I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVUKANI! NO. 1 2016

 UKUNCEDA IINTSAPHO | ABANTU ABASELULA

Indlela Yokwenza Abahlobo Bokwenene

Indlela Yokwenza Abahlobo Bokwenene

INGXAKI

Ngoncedo lweteknoloji, unokunxibelelana lula nabantu abaninzi kunokuba kwakunjalo ngaphambili. Sekunjalo, awude ukwazi ukuba nabahlobo bokwenene. Omnye umfana wathi: “Ndivakalelwa kukuba abahlobo bam bangavele bathi shwaka. Kwelinye icala, utata yena unabahlobo abebesondele kuye kangangamashumi eminyaka!”

Kutheni kuyingxaki nje kule mihla ukuba nabahlobo bokwenene nabahlala behleli?

OKO UMELE UKWAZI

Iteknoloji inayo indima eyidlalayo kule ngxaki. Ukuthumelelana imiyalezo, iiwebhsayithi zokuncokola namanye amajelo onxibelelwano zenza abantu bakwazi ukuba ngabahlobo kwanokuba ababonani. Incoko eqhelekileyo iye yathathelwa indawo yimiyalezo eshunqulweyo. Incwadi ethi Artificial Maturity ithi: “Abantu abasancokoli kakhulu bejongene. Abafundi bachitha ixesha elininzi phambi kweskrini kunabalichitha bekunye.”

Kwezinye iimeko, iteknoloji inokwenza ubuhlobo bubonakale buqinile kunokuba bunjalo. UBrian * oneminyaka eyi-22 ubudala uthi: “Mvanje, ndiqaphele ukuba ndim osoloko ebhalela abahlobo bam imiyalezo. Ndiye ndayeka ukubabhalela ukuze ndibone ukuba bangaphi abaza kundibhalela. Xa nditheth’ inyani, bebembalwa kakhulu. Kuthe kanti abanye bebengasondelanga kangako kum.”

Kanti ukubhalelana imiyalezo namajelo onxibelelwano azikuncedi na unxibelelane nabanye abantu uze uqinise ubuhlobo? Ziyakunceda—ingakumbi xa ukhe uncokole nabo ngaphandle kokusebenzisa i-intanethi. Kumaxesha amaninzi, amajelo onxibelelwano akwenza uthethe nabantu ungadanga usondelelane nabo.

 OKO UNOKUKWENZA

Yazi ukuba yintoni umhlobo wokwenene. IBhayibhile ithi umhlobo ngumntu “onamathela ngokusondele ngakumbi kunomntakwenu.” (IMizekeliso 18:24) Ngaba ufuna umhlobo onjalo? Ngaba wena ungumhlobo onjalo? Ukuze uphendule le mibuzo, bhala phantsi iimpawu ezintathu ongathanda umhlobo wakho abe nazo. Emva koko bhala phantsi iimpawu ezintathu wena ongathanda ukwaziwa ngazo ngabahlobo bakho. Zibuze: ‘Kubantu endidla ngokuncokola nabo kwi-intanethi, ngabaphi abaneempawu endizithandayo kubahlobo? Ziziphi iimpawu abanokuthi abo bahlobo bayazixabisa kum.’—Umgaqo weBhayibhile: Filipi 2:4.

Zazi izinto ezimele zize kuqala. Ubuhlobo obakhiwa kwi-intanethi budla ngokusekelwa kwizinto enizithanda ngokufanayo. Kodwa ke, ukuba nemilinganiselo efanayo kubaluleke ngakumbi kunokuthanda izinto ezifanayo. ULeanne oneminyaka eyi-21 uthi: “Ababaninzanga abahlobo bam, kodwa abo ndinabo bandenza ndifune ukuba ngumntu ongcono.”—Umgaqo weBhayibhile: IMizekeliso 13:20.

Yiya ebantwini. Ayikho into egqitha ukuncokola nomntu nijongene, apho nikwaziyo ukuva izinto ezinjengethoni yelizwi, ubone izimbo zobuso nezomzimba.—Umgaqo weBhayibhile: 1 Tesalonika 2:17.

Bhala ileta. Nangona kubonakala kuphelelwe lixesha, ukubhala ileta kubonisa umntu ukuba umkhathalele yaye umnika ingqalelo yakho yonke. Inqabile ke loo nto kweli hlabathi lixakekileyo. Ngokomzekelo, kwincwadi yakhe ethi Alone Together, uSherry Turkle ubhala ngomnye umfana othi akakhumbuli efumana ileta eza kuye ebomini bakhe. Ebhekisela kwixesha ekwakusabhalwa iileta, uthi: “Ndiyazikhumbula ezo ntsuku nangona ndandingekabikho.” Kutheni ungasebenzisi le ‘teknoloji indala’ ukuze wenze abahlobo?

Lilonke ke: Ubuhlobo bokwenene bubandakanya okungaphaya kokuncokola nje. Bufuna ukuba wena nomhlobo wakho nibe nothando, uvelwano, umonde yaye nixolelane. Ezo mpawu zenza ubuhlobo bube yingenelo. Kodwa kunzima ukuziveza xa nincokola kwi-intanethi.

^ isiqe. 8 Amanye amagama akweli nqaku atshintshiwe.

Funda Okungakumbi

Xa Unesithukuthezi

Isithukuthezi siyingozi empilweni yakho njengokutshaya iientyi eziyi-15 ngosuku. Ungasiphepha njani isithukuthezi?