I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVUKANI! NO. 1 2016

 AMAZWE NABANTU

Ukundwendwela ELiechtenstein

Ukundwendwela ELiechtenstein

ILELINYE lawona mazwe mancinane ehlabathini, ikwiintaba zeeAlps phakathi kweSwitzerland neAustria. Ukutyhubela amakhulu eminyaka yayikhe yalikhaya kumaCelt, amaRhaetia, amaRoma, nama-Alemanni. Namhlanje isibini kwisithathu sabemi baseLiechtenstein siphuma kumnombo wama-Alemanni, awafika kulo mmandla kwiminyaka eyi-1 500 eyadlulayo.

Ulwimi olusemthethweni eLiechtenstein sisiJamani, nangona zikho ezinye iziyelelane ezithethwa kwiidolophana ezahlukeneyo. Ukutya okuthandwayo eLiechtenstein yiTüarka-Rebel, eyenziwe ngombona neKäsknöpfle, ipasta enetshizi.

IKäsknöpfle

Isinxibo esihle salapha

Xa abakhenkethi behamba-hamba kweli lizwe babona iintaba ezigqunywe likhephu, iintlambo eziluhlaza yaka, izidiliya kunye neentlobo ezahlukahlukeneyo zezityalo. Ngokomzekelo, kweli lizwana linabantu abambalwa unokufumana iintlobo ezimalunga ne-50 zeentyatyambo ekuthiwa ziiorchids. ELiechtenstein kukwakho neemyuziyam, iiholo zemidlalo yeqonga neendawo ekudidiyelwa  kuzo iwayini. Ngoko abakhenkethi beza ehlotyeni nasebusika kweli lizwe.

AmaNgqina kaYehova ebesenza umsebenzi wawo eLiechtenstein ukususela kwiminyaka yoo-1920. Ngoku, amalunga ne-90 kweli lizwe, kwaye afundisa iBhayibhile kubantu basekuhlaleni nakubakhenkethi.