I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMBONISELO (YOKUFUNDISA) JANUWARI 2017

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Wawuphathwa njani umlilo mandulo xa kusiyiwa kwindawo ekude?

Ingxelo eseBhayibhileni efumaneka kwiGenesis 22:6 ibonisa indlela uAbraham awalungiselela ngayo ukuya kwenza idini kwindawo ekumgama okude ngokuthi, ‘athabathe iinkuni zomnikelo otshiswayo, azibeke phezu koIsake unyana wakhe aze yena aphathe ngesandla umlilo nesitshetshe sokuxhela, baza bahamba bobabini.’

Akukho nto eZibhalweni ethetha ngendlela umlilo owawubaswa ngayo mandulo. Omnye umhlalutyi uthi akaqondi ukuba loo mlilo “wawuvutha kuyo yonke loo ndlela inde” babeyihamba. Ngoko, kusenokwenzeka ukuba izinto ababeziphethe yayizizinto ababenokuzisebenzisa ukuze babase umlilo.

Abanye abantu bathi kwakungelula mandulo ukubasa umlilo. Kumele ukuba kwakubenzela lula abantu ukucela ilahle elivuthayo kubamelwane kunokuba bazibasele. Abaphengululi abaliqela bathi uAbraham wayephethe ingqayi—mhlawumbi ingqayi ebotshiweyo—eyayinamalahle avuthayo awayethathwe kumlilo owawubaswe ngezolo. (Isa. 30:14) Amalahle abomvu ayephathwa ngendlela eyayiza kwenza ukuba akwazi ukusetyenziswa neenkuni zokuphemba nanini na ebudeni bohambo.