I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMBONISELO (YOKUFUNDISA) JANUWARI 2017

Sixabise Isipho Osinikiweyo Senkululeko Yokuzikhethela

Sixabise Isipho Osinikiweyo Senkululeko Yokuzikhethela

“Apho ukhoyo umoya kaYehova, kukho inkululeko.”2 KOR. 3:17.

IINGOMA: 62, 65

1, 2. (a) Ziziphi iimbono ezingafaniyo abanazo abantu xa kufikwa kumba wenkululeko yokuzikhethela? (b) IBhayibhile isifundisa ntoni ngenkululeko esinayo yokuzikhethela, ibe yiyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

XA ELINYE ibhinqa lalifanele likhethe phakathi kwezinto ezazibekwe phambi kwalo, lathi kumfana owayengumhlobo walo: “Andifuni kucinga mna; ndixelele nje wena ukuba ndithini. Indenzela lula loo nto.” Eli bhinqa lalikhetha ukuxelelwa into emaliyenze kunokuba lisebenzise isipho elisiphiwe nguMdali, inkululeko yokuzikhethela. Kuthekani ngawe? Ngaba uyakuthanda ukuzenzela izigqibo, okanye ngaba ukhetha ukuzenzelwa ngabanye? Uyijonga njani inkululeko yokuzikhethela?

2 Kudala abantu baphikisana ngalo mba. Abanye bathi akukho kwanto kuthiwa yinkululeko yokuzikhethela—uThixo wagqiba kudala ngezinto esizenzayo. Kanti bakho nabathi ukuze ube kanti unayo inkululeko yokuzikhethela, kufuneka ube nenkululeko epheleleyo. Kodwa ke ukuze siwuqonde kakuhle lo mba, simele sibhenele kwiLizwi LikaThixo, iBhayibhile. Ngoba? Kaloku iyasixelela ukuba uYehova wasidala sanenkululeko yokuzikhethela. (Funda uYoshuwa 24:15.) Iphendula imibuzo enjengale: Sifanele siyisebenzise njani inkululeko esinayo yokuzikhethela? Ngaba inayo imida eyisikelweyo? Ngaba indlela esiyisebenzisa ngayo inkululeko yokuzikhethela inokubonisa ukuba simthanda kangakanani uYehova? Sinokubonisa njani ukuba siyazihlonela izigqibo ezenziwa ngabanye abantu?

 YINTONI ESINOKUYIFUNDA KUYEHOVA NAKUYESU?

3. Sifunda ntoni kwindlela uYehova awayisebenzisa ngayo inkululeko yakhe?

3 NguYehova kuphela onenkululeko engasikelwanga mda, kodwa ininzi into esinokuyifunda kwindlela ayisebenzisa ngayo. Ngokomzekelo, wakhetha ukuba ibe nguSirayeli othwala igama lakhe, abe “yinqobo kuye.” (Dut. 7:6-8) Akazange asuke amkhethe nje uSirayeli. Wayesenza into awayeyithembise umhlobo wakhe uAbraham kumakhulu eminyaka ngaphambili. (Gen. 22:15-18) Ukongezelela koko, uYehova usoloko enothando yaye egweba ngobulungisa xa esebenzisa inkululeko yakhe. Loo nto sinokuyibona kwindlela awayewohlwaya ngayo amaSirayeli xa ayeman’ ukulushiya unqulo lwenene. Ayesithi xa eguquka, awaphathe ngothando kwaye awenzele inceba, esithi: “Ndiya kukuphilisa ukungathembeki kwabo. Ndiya kubathanda ngokuzithandela.” (Hos. 14:4) Ngokwenene ininzi into enofundwa kuye kwindlela awasebenzisa ngayo inkululeko yakhe ukuze kuxhamle abanye abantu!

4, 5. (a) Ngubani owaqala wafumana isipho senkululeko yokuzikhethela, ibe wasisebenzisa njani? (b) Nguwuphi umbuzo esifanele sonke sizibuze wona?

4 Xa uYehova wayeqalisa ukudala, wazivava ngenkululeko yokuzikhethela izidalwa zakhe ezikrelekrele awayezithanda kunene. Esokuqala ukuxhamla yayinguNyana wakhe olizibulo, “umfanekiso kaThixo ongabonakaliyo.” (Kol. 1:15) Kwanangaphambi kokuba uYesu eze apha emhlabeni, wakhetha ukunamathela kuYise, angayingeni imvukelo eyayikhokelwa nguSathana. Kamva, xa wayelapha emhlabeni, wasebenzisa inkululeko yakhe yokuzikhethela ukuze azikhabe ngaw’ omane izilingo ezazisiza noTshaba olukhulu. (Mat. 4:10) Xa wayethandaza ngosuku olungaphambi kokuba afe, waphinda wayigxininisa into yokuba wayezimisele ukwenza ukuthanda kukaThixo. Wathi: “Bawo, ukuba uyanqwena, yishenxise le ndebe kum. Noko ke, makwenzeke, kungekhona ukuthanda kwam, kodwa okwakho.” (Luka 22:42) Ngamana singamxelisa uYesu size sisebenzise isipho senkululeko yokuzikhethela ukuze simzukise uYehova size senze ukuthanda kwakhe! Ngaba inokwenzeka phofu into enjalo?

5 Ewe singakwazi ukuyenza le nto yayenziwe nguYesu, kuba kaloku nathi senziwe ngokomfanekiso kaThixo nangokufana naye. (Gen. 1:26) Kodwa ke sisikelwe umda. Inkululeko esinayo ayilingani nenkululeko anayo uYehova. ILizwi LikaThixo liyachaza ukuba inkululeko yethu isikelwe umda nokuba asimele siyitsibe loo mida siyisikelwe nguYehova. Ukongezelela koko, abafazi bamele bathobele amadoda abo baze nabantwana bathobele abazali babo. (Efe. 5:22; 6:1) Le mida ibekiweyo inaliphi ifuthe kwindlela esiyisebenzisa ngayo inkululeko yethu yokuzikhethela? Ikamva lethu likanaphakade lixhomekeke kwimpendulo yalo mbuzo.

UNOKUYISEBENZISA KAKUHLE OKANYE KAKUBI

6. Yenza umzekelo obonisa ukuba kufanelekile ukuba isikelwe umda inkululeko esinayo.

6 Ngaba ukuba nenkululeko yokuzikhethela elinganiselweyo yinkululeko yenene? Nangoku yiyo! Kutheni sisitsho nje? Kaloku xa abantu bebekelwa imida sukube kukhuselwa bona. Ngokomzekelo, singayisebenzisa inkululeko yethu yokuzikhethela ngokuthi singene emotweni size senjenjeya ukuya kwidolophu ekude. Kodwa ke, ngaba besiya kuziva sikhuselekile ukuba besihamba koohola bendlela ekungekho mithetho kubo, apho wonke umntu enenkululeko yokundlandlathekisa imoto yakhe okanye enokuzigqibela ukuba uqhuba kweliphi icala lendlela? Soze kaloku. Ukusikelwa imida kuyafuneka ukuze wonke umntu afumane inkululeko yenene. Ukuze kucace nangakumbi ukuba kububulumko ukuba uYehova ayisikele umda inkululeko yethu, makhe sijonge imizekelo ethile efumaneka eBhayibhileni.

7. (a) Isipho senkululeko yokuzikhethela samenza wahluka njani uAdam kwezinye izidalwa ezazise-Eden? (b) Chaza enye indlela uAdam awayisebenzisa ngayo inkululeko yakhe yokuzikhethela.

 7 Xa uThixo wayedala umntu wokuqala, uAdam, wampha isipho esifanayo neso wayesinike izidalwa zakhe ezikrelekrele zasezulwini, isipho senkululeko yokuzikhethela. Loo nto yamenza wahluka kwizilwanyana, kuba zona zisebenzisa uthuku. Nanku umzekelo wendlela uAdam awayisebenzisa kakuhle ngayo inkululeko yakhe yokuzikhethela. Izilwanyana zadalwa ngaphambi kokuba kudalwe umntu. Kodwa uYehova wayinika izibulo lakhe elingumntu inyhweba yokuzithiya amagama. UThixo “wazizisa emntwini ukuze abone ukuba wothini na ukuthiya ngasinye sazo.” Emva kokuba uAdam eye waqwalasela isilwanyana ngasinye waza wasithiya igama elisifaneleyo, uYehova akazange angenelele aze alutshintshe ukhetho awayelwenzile. Kunoko, “oko umntu awuthiye ngako, mphefumlo ngamnye ophilayo, yaba ligama lawo elo.”—Gen. 2:19.

8. UAdam wayisebenzisa kakubi njani inkululeko yokuzikhethela awayeyinikiwe, ibe ube yintoni umphumo?

8 Okulusizi kukuba, uAdam wanyuka nengalo, akanela ngumsebenzi awayewunikwe nguThixo wokuba alime yaye ajonge iparadesi eyayisemhlabeni. Wayenganelanga yinkululeko enkulu awayeyinikwe nguThixo xa wathi: “Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba nize niwoyise, nibe nobukhosi kwiintlanzi . . . , nakwizidalwa eziphaphazelayo . . . , nakuzo zonke izidalwa eziphilayo . . . emhlabeni.” (Gen. 1:28) Kunoko, wakhetha ukuyitsiba imida awayeyisikelwe nguThixo ngokuthi atye isiqhamo esalelweyo. Ukusebenzisa kwakhe kakubi inkululeko yokuzikhethela kuye kwezisa intlungu yodwa kwinzala yakhe. (Roma 5:12) Ukwazi imiphumo yesigqibo esenziwa nguAdam kumele kusenze siyisebenzise kakuhle inkululeko esinayo yokuzikhethela kwaye singayitsibi imida esiyisikelwe nguYehova xa siyisebenzisa.

9. UYehova wabakhethisa ntoni abantu bakhe, amaSirayeli, ibe aphendula athini?

9 Inzala ka-Adam noEva izalwa ingafezekanga kwaye isifa ngenxa yabazali bayo abangazange bamamele. Kodwa, isenaso isipho senkululeko yokuzikhethela. Loo nto siyibona kwindlela uThixo awaqhubana ngayo namaSirayeli. UYehova wasebenzisa uMoses ukuze akhethise abantu phakathi kokulamkela nokungalamkeli ilungelo lokuba yinqobo yakhe. (Eks. 19:3-6) Bathini xa bephendula? Bazikhethela ngokwabo ukuphila ngemiqathango ebekelwe abantu ababizwa ngegama likaThixo, baza ngamxhelo mnye bathi: “Konke akuthethileyo uYehova sikulungele ukukwenza.” (Eks. 19:8) Okubuhlungu kukuba, ethubeni olu hlanga lwayisebenzisa kakubi inkululeko yalo yokuzikhethala lwaza alwasigcina eso sithembiso. Masifunde ke kulo mzekelo usilumkisayo size sisixabise isipho senkululeko yokuzikhethela ngokunamathela kuYehova nangokuzithobela izinto afuna sizenze.—1 Kor. 10:11.

10. Yiyiphi imizekelo engqina ukuba umntu ongafezekanga angakwazi ukuyisebenzisa inkululeko yakhe yokuzikhethela ngendlela emzukisayo uThixo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

10 KumaHebhere isahluko 11, kukho amagama abakhonzi bakaThixo abayi-16 abakhetha ukusebenzisa inkululeko yabo yokuzikhethela, kodwa abayitsiba imida ababeyibekelwe nguYehova. Ngenxa yoko, basikelelwa ngentabalala kwaye baqinisekile ngekamva labo. Ngokomzekelo, uNowa owayenokholo olomeleleyo wakhetha ukuyithobela imiyalelo kaThixo yokuba akhe umkhombe ukuze kusinde intsapho yakhe nezizukulwana ezaziya kulandela. (Heb. 11:7) UAbraham noSara nabo bamthobela bengaqhutywa mntu uThixo xa wayebakhokelela kwilizwe lesithembiso. Kwanasemva kolo hambo lude, lalisekho ithuba “lokubuyela” kwisixeko esasifumile saseUre. Kodwa amehlo abo okholo ayethe ntsho ‘kwinzaliseko  yezithembiso’ zikaThixo; “bazabalazela indawo elunge ngakumbi.” (Heb. 11:8, 13, 15, 16) UMoses wabushiya ngasemva ubutyebi baseYiputa, “enyula ukuphathwa kabuhlungu kunye nabantu bakaThixo kunokuziyolisa ngesono okwexeshana.” (Heb. 11:24-26) Ngamana nathi singanokholo olufana nolwaba bantu bamandulo ngokuthi sisixabise isipho senkululeko yokuzikhethela kwaye sisisebenzisele ukwenza ukuthanda kukaThixo.

11. (a) Yiyiphi enye yeentsikelelo zokuba nenkululeko yokuzikhethela? (b) Yintoni ekwenza usebenzise inkululeko yakho yokuzikhethela ngendlela efanelekileyo?

11 Kunokuba lula kona ukucela umntu asenzele izigqibo, kodwa ke siya kuphoswa kukusebenzisa le ntsikelelo yenkululeko yokuzikhethela xa sisenjenjalo. Ichazwe kakuhle kwiDuteronomi 30:19, 20. (Yifunde.) Ivesi 19 ichaza izinto uThixo awathi amaSirayeli mawakhethe phakathi kwazo. Kwivesi 20 sifunda ukuba uYehova wawanika ithuba lokuba amtyhilele okusezintliziyweni zawo. Nathi ke sinako ukukhetha ukunqula uYehova. Eyona nto ifanele isiqhubele ekusebenziseni esi sipho senkululeko yokuzikhethela esisiphiwe nguThixo kukubonisa ukuba siyamthanda, siyambeka kwaye siyamzukisa!

KUPHEPHE UKUYISEBENZISA KAKUBI

12. Yintoni esingafanele siyenze ngesipho senkululeko yokuzikhethela?

12 Masithi upha umhlobo wakho isipho esibizayo. Ubuya kudana ube manzi ukuba ubunokufumanisa ukuba uye wasiphosa emgqomeni okanye wada wasisebenzisa ukuze onzakalise omnye umntu! Ngoku khawucinge ngendlela uYehova amele ukuba uziva ngayo xa ebukele abantu abaninzi beyisebenzisa kakubi inkululeko yokwenza ukhetho de bonzakalise abanye abantu. Yayinyanisile iBhayibhile xa yathi kule “mihla yokugqibela” kuza kubakho abantu “abangenambulelo.” (2 Tim. 3:1, 2) Singaze sisisebenzise kakubi okanye sisithathe njengento engenamsebenzi esi sipho sixabisekileyo sisiphiwe nguYehova. Kodwa ke, singenza njani ukuze singasisebenzisi kakubi isipho senkululeko yokuzikhethela?

13. Yiyiphi enye indlela esinokukuphepha ngayo ukusebenzisa kakubi inkululeko esinayo njengamaKristu?

13 Sonke sinenkululeko yokuzikhethela abantu esibutha nabo, indlela yokunxiba nokuzilungisa, nezinto esizonwabisa ngazo. Noko ke, ingenzeka into yokuba inkululeko yethu ibe “njengesigqubuthelo sobubi” xa sisiba ngamakhoboka enkanuko yethu yenyama okanye ukuba silandela imikhwa  neendlela ezonyanyekayo zeli hlabathi. (Funda eyoku-1 kaPetros 2:16.) Kunokuba sisebenzise inkululeko yethu ukuze ‘sivulele inyama ithuba,’ kufuneka sizimisele ukwenza ukhetho oluya kusinceda sithobele la mazwi athi: “Zonke izinto zenzeleni uzuko lukaThixo.”Gal. 5:13; 1 Kor. 10:31.

14. Ukukholosa ngoYehova kudibana njani nokusebenzisa kwethu inkululeko yokuzikhethela?

14 Enye indlela yokusibeka esweni isipho senkululeko yokuzikhethela kukumthemba uYehova nokumvumela ukuba asikhokele kwaye singayitsibi imida ekhuselayo asisikele yona. Nguye yedwa ‘osifundisa okuyingenelo kuthi, nosibangela sinyathele endleleni esifanele sihambe ngayo.’ (Isa. 48:17) Simele sivume ukuba anyanisile amazwi aphefumlelweyo athi: “Ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.” (Yer. 10:23) Ngamana singangaze singene kumgibe wokukhetha ukuhamba ngesiyibonayo njengoAdam namaSirayeli awayevukela. Kunoko, ngamana ‘singakholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yethu.’—IMize. 3:5.

UKUHLONELA INKULULEKO YOKUZIKHETHELA YABANYE ABANTU

15. Sifunda ntoni kumgaqo okumaGalati 6:5?

15 Omnye umda esiwusikelweyo kwinkululeko esiyinikiweyo kukuba simele silihlonele ilungelo labantu lokuzenzela izigqibo. Ngoba? Kaloku ekubeni sonke sinayo inkululeko yokuzikhethela, njengamaKristu asinakusoloko sisenza izigqibo ezifana twatse. Kunjalo nkqu nakwindlela esiziphatha nesinqula ngayo. Khumbula umgaqo ofumaneka kumaGalati 6:5. (Wafunde.) Xa siyamkela into yokuba umKristu ngamnye umele ‘athwale owakhe umthwalo,’ siya kulihlonela ilungelo labanye abantu lokuzikhethela.

Sinako ukuzenzela izigqibo singakhange sinyanzelise abanye abantu ukuba bathobele izazela zethu (Jonga isiqendu 15)

16, 17. (a) Kwakutheni ukuze inkululeko yokuzikhethela ibe yingxaki eKorinte? (b) UPawulos wayilungisa njani loo ngxaki, ibe loo nto isifundisa ntoni ngamalungelo abazalwana bethu?

16 Nanku umzekelo oseBhayibhileni osibonisa isizathu sokuba simele siyihlonele inkululeko yabazalwana bethu yokuzenzela izigqibo kwimiba efuna izazela. AmaKristu aseKorinte ayengaboni ngasonye kumba wokutya inyama esenokuba yayiqale yabingelelwa kwizithixo yaza kamva yathengiswa emarikeni. Abanye babesithi: ‘Ekubeni isithixo singeyonto, ingatyiwa ngezazela ezikhululekileyo le nyama.’ Kodwa abanye ababekhe banqula ezo zithixo babevakalelwa kukuba ukutya loo nyama kwakufana nokunqula ezo zithixo. (1 Kor. 8:4, 7) Le ngxaki yayisele ifuna ukuliqhekeza ibandla. UPawulos wawanceda njani amaKristu aseKorinte ukuba ayijonge ngendlela uThixo ayijonga ngayo le nto?

17 UPawulos waqala ngokuwakhumbuza ukuba yayingekokutya okwakuwenza asondele kuThixo. (1 Kor. 8:8) Emva koko wawalumkisa ukuba angavumeli elo “gunya” lokuzikhethela libe “sisikhubekiso kwabo babuthathaka.” (1 Kor. 8:9) Kamva, wayalela abo babenezazela ezingqongqo ukuba bangabagwebi abantu ababekhetha ukuyitya loo nyama. (1 Kor. 10:25, 29, 30) Ngoko, mKristu ngamnye wayemele azimele ngenkqay’ elangeni xa esenza esi sigqibo sibalulekileyo sinento yokwenza nonqulo. Ngaba nathi asifanele silihlonele ke ilungelo labazalwana bethu lokuzenzela izigqibo kwizinto ezingabalulekanga kangako?1 Kor. 10:32, 33.

18. Uza kubonisa njani wena ukuba uyasixabisa isipho senkululeko yokuzikhethela?

18 UYehova usiphe isipho senkululeko yokuzikhethela, ibe sihamba nenkululeko yenene. (2 Kor. 3:17) Sisixabisile esi sipho kuba sisenza sikwazi ukwenza izigqibo ezibonisa indlela esimthanda ngayo uYehova. Ngamana singaqhubeka simbulela uThixo ngesi sipho ngokusisebenzisa ngendlela emzukisayo nangokuhlonela indlela abanye abantu abakhetha ukusisebenzisa ngayo.