Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMboniselo—Yokufundisa  |  Agasti 2017

 SIPHAKULA KOOVIMBA BETHU

“Iza Kubakho Nini Indibano Elandelayo?”

“Iza Kubakho Nini Indibano Elandelayo?”

KUNGASEKUPHELENI kukaNovemba ngo-1932 eMexico City. Kwiveki nje edlulileyo kubekho iirobhothi zokuqala kwesi sixeko siphithizelayo sinabantu abangaphezu kwesigidi. Kodwa loo nto ngoku ayisengondaba-mlonyeni. Abacholacholi beendaba bathetha ngento eza kwenzeka kule veki. Bakwisikhululo sikaloliwe neekhamera zabo, belindele undwendwe olubekekileyo, uJoseph F. Rutherford, owayengumongameli weWatch Tower Society ngoko. AmaNgqina alapho nawo amlindele efuna ukumamkela njengoko eze kwindibano yawo yeentsuku ezintathu.

IThe Golden Age yathi, “Akuthandabuzeki ukuba le ndibano iza kuba sisihlandlo esibalulekileyo kwimbali yokuhambela phambili kweNyaniso kwiriphabliki yaseMexico.” Kodwa ke yintoni le yenza le ndibano ekwakuze abantu abamalunga ne-150 kuphela ibaluleke kangaka?

Ngaphambi kwale ndibano, umsebenzi woBukumkani wawungahambeli ndawo eMexico. Ukususela ngo-1919, kwakubakho iindibano ezincinci, kodwa inani lamabandla laya licutheka kwiminyaka eyalandelayo. Xa kwavulwa iofisi yesebe eMexico City ngo-1929, kwaba ngathi izinto ziza kuba ngcono. Kodwa kwabakho imiqobo. Xa kwaphuma ulwalathiso lokuba kuyekwe ukushishinwa ngoxa kushunyayelwa, omnye umshumayeli wexesha elizeleyo owayenomsindo wabeka phantsi waza waya kuzivulela elakhe iqela leBhayibhile. Kwangelo xesha, umveleli wesebe wenza into engahambisani nezibhalo kwaza kwafuneka atshintshwe. AmaNgqina athembekileyo aseMexico ayefuna nyhani ukukhuthazwa.

Ngoxa uMzalwana uRutherford wayetyelele apho, wabakhuthaza kakhulu abo bathembekileyo, ngokunikela iintetho ezibangel’ umdla ezimbini kuloo ndibano neentetho ezintlanu kwirediyo. Zaziqala izikhululo zerediyo zaseMexico ukusasaza iindaba ezilungileyo kwelo lizwe. Emva kwaloo ndibano, umveleli owayesandul’ ukumiselwa walungelelanisa umsebenzi, aza amaNgqina awayezimisele aqhubeka ehlaziyekile yaye esikelelwa nguYehova.

Indibano ka-1941 eMexico City

Kunyaka olandelayo kwabakho iindibano ezimbini kwelo lizwe, enye ikwisixeko esilizibuko saseVeracruz, enye iseMexico City. Ukusebenza nzima entsimini kwaba nemiphumo emihle. Ngo-1931 kwakukho abavakalisi abayi-82. Kwiminyaka elishumi kamva, elo nani laphindaphindeka kalishumi! Ngo-1941 kweza abantu abamalunga ne-1 000 eMexico City kwiNdibano Yobuthixo.

“BATYHUTYHA IZITRATO”

Ngo-1943 amaNgqina anxiba iibhodi ezazibhalwe macala ukuze azise abantu ngeNdibano Yobuthixo “Yohlanga Olukhululekileyo” eyayiza kubakho  kwizixeko eziyi-12 zaseMexico. * Kwakudityaniswa iibhodi ezimbini apha emagxeni zize zijinge, enye ibe ngaphambili, enye ibe ngasemva, le yindlela yokwazisa abantu eyayisetyenziswa ngamaNgqina ukususela ngo-1936.

Imagazini ka-1944 ibonisa iphulo leebhodi ezazinxitywa ngaphambili nangasemva eMexico City

Ithetha ngendlela eliphumelele ngayo eli phulo leebhodi ezinxitywa ngaphambili nangasemva eMexico City, imagazini iLa Nación yathi: “Kusuku lokuqala [lwendibano, amaNgqina] acelwa ukuba ameme abantu abangakumbi. Ngosuku olulandelayo abantu abazange banele kuloo ndawo yendibano.” Eli phulo zange lithandwe tu yiCawa YamaKatolika, eyaququzelela iphulo elalisilwa amaNgqina. Nangona babechaswa, abazalwana noodade ababengoyiki ngokoyikiswa baqhubeka besiya ezitratweni. ILa Nación yaphinda yathi: “Sonke isixeko sababona . . . amadoda—nabafazi—benxibe iibhodi ngaphambili nangasemva.” Inqaku laloo magazini labonisa umzalwana esesitratweni saseMexico City. Ezantsi kwaloo mfanekiso kubhalwe: “Batyhutyha izitrato.”

“IIBHEDI EZAZITOFOTO KWAYE ZIFUDUMELE KUNESAMENTE”

Ngaloo minyaka, amaNgqina amaninzi kwakufuneka ancame izinto ezithile ukuze akwazi ukuya kwezo ndibano zimbalwa zaziseMexico. Abantu abaninzi babesuka kwiilali ezisemagqagaleni, ekungekho loliwe nazindlela kuzo. Elinye ibandla labhala lathi, “Ekuphela kwento efikayo apha ziintambo zocingo.” Ngoko abantu abeze kwezo ndibano kwakufuneka bakhwele iimeyile okanye bahambe iintsuku ezininzi ukuze baye apho kukho uloliwe owayeza kubasa kwisixeko esinendibano.

AmaNgqina amaninzi ayezihluphekela, engenayo nale yokuya imali. Amaninzi ayefika ahlale namaNgqina asekuhlaleni, awayewamkela emakhayeni awo. Amanye ayelala kwiiHolo ZoBukumkani. Ngenye indibano, abantu abayi-90 ababeze endibanweni bafikela esebeni, belala “phezu kweebhokisi zeencwadi eziyi-20 umntu ngamnye.” INcwadi Yonyaka yathi iindwendwe ezinoxabiso zathi ezi “bhedi zazitofotofo ibe zifudumele kunesamente.”

Loo maNgqina anoxabiso, awayekwezo ndibano ayeyibona into awayezincamela yona. Namhlanje, inani labavakalisi eMexico liyanda seliza kufika kwisigidi, ibe basenoxabiso. * Ngo-1949 ingxelo yesebe laseMexico yathi ngabazalwana: “Amaxesha anzima awabenzi bathothe kuba enye yezona zinto bancokola ngazo yindibano nganye esiba nayo nasemva kwexesha sele idlulile. Abazalwana basoloko bebuza, Iza kubakho nini indibano elandelayo?” Le nto ithethwa kule ngxelo isenjalo nanamhlanje.—Siphakula koovimba bethu kuMbindi Merika.

^ isiqe. 9 Ngokutsho kweNcwadi Yonyaka Ka-1944, le ndibano “yenza amangqina kaYehova aziwa eMexico.”

^ isiqe. 14 Bebeyi-2 262 646 abantu abebeze kwiSikhumbuzo sika-2016 eMexico.