Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMboniselo  |  No. 6 2017

Ithini IBhayibhile?

Ithini IBhayibhile?

Yintoni iArmagedon?

Abanye abantu bathi . . .

kukutshatyalaliswa komhlaba wonke ngezixhobo zenyukliya okanye ukonakaliswa kwendalo. Wena uthini?

Oko kuthethwa yiBhayibhile

IArmagedon yindawo ekuza kulwelwa kuyo ‘imfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla.’ Le ndawo asiyoyokoqobo ibe uThixo uza kube esilwa nabantu abenza izinto ezimbi.​—ISityhilelo 16:14, 16.

Enye into esinokuyifunda eBhayibhileni

  • Ngale mfazwe, uThixo akazi konakalisa umhlaba kodwa uza kuwukhusela ekonakalisweni ngabantu.​—ISityhilelo 11:18.

  • IArmagedon iza kuphelisa zonke iimfazwe.—INdumiso 46:8, 9.

Ngaba bakhona abantu abaza kusinda kwiArmagedon?

Ubuya kuthini?

  • Ewe

  • Hayi

  • Mhlawumbi

Oko kuthethwa yiBhayibhile

“Isihlwele esikhulu” sabantu abaphuma kuzo zonke iintlanga siza kusinda ‘kwimbandezelo enkulu’ eya kuphela ngemfazwe iArmagedon.​—ISityhilelo 7:9, 14.

Enye into esinokuyifunda eBhayibhileni

  • UThixo ufuna kusinde abantu abaninzi kwiArmagedon. Nakuba enganqweneli kutshabalale mntu, kodwa uza kubatshabalalisa abantu ababi abangafuniyo ukumthobela.​—Hezekile 18:32.

  • IBhayibhile isixelela indlela esinokusinda ngayo kwiArmagedon.​—Zefaniya 2:3.