I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMBONISELO NO. 6 2016

 INQAKU ELINGUMXHOLO | IMIBONO EKWAZISA NGOKWENZEKA EMAZULWINI

Imibuzo Ngabantu Abaphila Emazulwini

Imibuzo Ngabantu Abaphila Emazulwini

Ngaba wakha wazibuza ngamazulu nabantu abaphila kuwo? Ukuba wakha wazibuza, akuwedwa. Kangangeminyaka, abantu bebefunisela ngalo mba. Abanye bakholelwa ukuba emazulwini kuhlala izinyanya ezimele zizukiswe. Abanye banombono wendawo enenzolo ekuthiwa lizulu, ehlala iingelosi nabantu abalungileyo abaswelekayo. Ukanti abanye bathi likhaya lenyambalala yezithixo.

Abantu abaninzi bathi akukho nto sinokuyazi ngamazulu kuba akukho mntu wakha waya khona. Loo nto ayichananga. UYesu Kristu wayephila emazulwini ngaphambi kokuba eze emhlabeni. Zange afihle makhuba kulanjwa xa wayexelela iinkokeli zonqulo ezaziphila ngexesha lakhe: “Ezulwini ndihlele ukuza kwenza, kungekhona ukuthanda kwam, kodwa ukuthanda kwalowo wandithumayo.” Wayengatheth’ undiva xa wayesithi kubapostile bakhe: “Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala.”Yohane 6:38; 14:2.

Siyazi ukuba utata kaYesu nguThixo ogama linguYehova, ohlala emazulwini. (INdumiso 83:18) Ngoko akakho umntu onokuchaza izulu ukodlula uYehova uThixo noYesu Kristu. Basixelele izinto ezininzi ngamazulu besebenzisa imibono abayibonisa abantu ababenokholo.

Inqaku elilandelayo lithetha ngeZibhalo ezichaza izinto ezabonwa ngala madoda anokholo. Njengoko ufunda ngale mibono, ungalibali ukuba amazulu akabonakali, ngoko izinto ezenzeka nezihlala kuwo asinakuzibona ngeliso lenyama. Ngoko, kunokuba asixelele ngezinto esingenakuzibona nesingenakuziqonda, kule mibono uThixo wasebenzisa izinto esizaziyo ukuze siqonde izinto ezenzeka emazulwini. Iza kusinceda sibazi abo bahlala emazulwini, apho ‘zininzi khona iindawo zokuhlala.’