Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMboniselo  |  No. 4 2017

Xa kulawula uBukumkani bukaThixo, abantu ‘baya kuziyolisa ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.’​—INdumiso 37:11.

Ithini IBhayibhile?

Ithini IBhayibhile?

Ngaba iBhayibhile ingakunceda umelane namaxhala?

Ubuya kuthini?

  • Ewe

  • Hayi

  • Mhlawumbi

Oko kuthethwa yiBhayibhile

‘Liphose kuye [uThixo] lonke ixhala lakho, kuba ukukhathalele.’ (1 Petros 5:7) IBhayibhile ikuqinisekisa ukuba uThixo angakunceda uthobe amaxhala onawo.

Enye into esiyifunda eBhayibhileni

  • Xa uthandaza, unokufumana “uxolo lukaThixo” olukunceda unciphise amaxhala.​—Filipi 4:6, 7.

  • Enye into, xa ufunda iLizwi likaThixo unokukwazi ukumelana nestres.​—Mateyu 11:28-30.

Ngaba amaxhala angaze aphele?

Abanye abantu bathi . .  amaxhala nestres zizinto umntu amele abe nazo kakade, kanti abanye bona bathi amaxhala aphela xa umntu ephila kwenye indawo emva kokuba efile. Wena uthini?

Oko kuthethwa yiBhayibhile

UThixo uza kuziphelisa izinto ezisenza sibe namaxhala. Akuyi kubakho “kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.”​—ISityhilelo 21:4.

Enye into esinokuyifunda eBhayibhileni