I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMBONISELO NO. 4 2016

Ithini IBhayibhile?

Ithini IBhayibhile?

Ngaba unqulo lweza nabantu?

ABANYE ABANTU BATHI unqulo lweza nabantu; abanye bacinga ukuba uThixo usebenzisa unqulo ukuze atsale abantu. Wena uthini?

OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE

Kukho “unqulo oluhlambulukileyo nolungadyobhekanga ngokwembono kaThixo noBawo wethu.” (Yakobi 1:27) Unqulo oluhlambulukileyo okanye lokwenyaniso luvela kuThixo.

ENYE INTO ESIYIFUNDA EBHAYIBHILENI

  • Ukuze unqulo lumkholise uThixo lumele lusekelwe kwinyaniso eseBhayibhileni.—Yohane 4:23, 24.

  • Unqulo olusekelwe kwiimbono zabantu lububuxoki.—Marko 7:7, 8.

Ngaba kubalulekile ukuba nonqulo lwakho?

UBUYA KUTHINI?

  • Ewe

  • Hayi

  • Kuyaxhomekeka

OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE

“Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye.” (Hebhere 10:24, 25) UThixo ufuna ukuba abantu abamnqulayo bahlanganisane.

ENYE INTO ESIYIFUNDA EBHAYIBHILENI

  • Abantu abamnqula kunye uThixo bafanele bakholelwe kwinto efanayo.—1 Korinte 1:10, 11.

  • Abantu abanqula ngendlela ekholisa uThixo babumba iqela labazalwana abasehlabathini.—1 Petros 2:17.

 

Funda Okungakumbi

Ndinokulufumana Njani Unqulo Lokwenyaniso?

Ngaba lunqulo endicinga ukuba lundifanele nje kuphela?

Ziziphi Iindaba Ezimnandi Ngonqulo?

Ngaba liyakuze libekho ixesha apho bonke abantu beya kumanyana ekunquleni okuphela koThixo oyinyaniso?

Unqulo Olumkholisayo UThixo

Izinto ezintandathu ezifanisa unqulo lokwenyaniso.