Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMboniselo  |  No. 4 2016

 INQAKU ELINGUMXHOLO | IBHAYIBHILE—IBALI LOKUSINDA KWAYO

Isizathu Sokusinda KweBhayibhile

Isizathu Sokusinda KweBhayibhile

IBhayibhile iye yasinda. Ngenxa yoko, uyakwazi ukuba nayo nokuyifunda namhlanje. Xa unenguqulelo yeZibhalo efanelekileyo, ungaqiniseka ukuba ufunda ikopi onokuyithemba yemibhalo yokuqala. * Kodwa kutheni iBhayibhile iqhubeke ikho yaye amaxesha amaninzi kukho iingxelo ezibalaseleyo zokusinda kwayo nangona ibisenokonakala, ibichaswa ngokukrakra kwaye kutshintshwa ngabom oko kubhalwe kuyo? Yintoni le ikhetheke kangaka ngale ncwadi?

“Ndiqinisekile ukuba iBhayibhile endinayo, sisipho esivela kuThixo”

Abafundi abaninzi beBhayibhile bafikelele kwisigqibo esifanayo nesompostile uPawulos, owabhala wathi: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo.” (2 Timoti 3:16) Bakholelwa ukuba iBhayibhile iye yasinda ngenxa yokuba iliLizwi likaThixo elikhethekileyo yaye uThixo uye wayigcina ikhuselekile kude kube namhlanje. UFaizal, ebekuthethwe ngaye kwinqaku lokuqala kula athetha ngokusinda kweBhayibhile, ekugqibeleni wagqiba ekubeni akuhlole oko wayekuxelelwe ngeBhayibhile ngokuthi azifundele yona. Kwamothusa oko wakufundayo. Wafumanisa nokuba iimfundiso ezininzi eziphambili zeNgqobhoko azikho eBhayibhileni. Okungakumbi kukuba, wavuyiswa yinjongo kaThixo ngomhlaba ayichaze eLizwini lakhe.

Uthi: “Ndiqinisekile ukuba iBhayibhile endinayo, sisipho esivela kuThixo. Ngapha koko, ukuba uThixo wenze yonke indalo, akufanele ke ngoko ukuba unawo amandla okusinika incwadi nawokuyigcina ikhuselekile? Ukuba sicinga ngenye indlela sobe siwabekela umda amandla kaThixo. Ndingubani ke mna ukuba ndiwabekele umda amandla kaSomandla?”—Isaya 40:8.

^ isiqe. 3 Funda inqaku elithi, “Unokuyikhetha Njani Inguqulelo YeBhayibhile Esemgangathweni?” kwiMboniselo kaMeyi 1, 2008.

Funda Okungakumbi

IMBONISELO

Kutheni Umele Uyazi IBhayibhile?

Abantu abaninzi bayayihlonipha le ncwadi ingcwele nakuba bengayazi indlela enokubanceda ngayo.