Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMboniselo  |  No. 3 2016

Indlela elibonakala ngayo igama likaThixo kwimibhalo-ngqangi yeBhayibhile yamandulo

Ithini IBhayibhile?

Ithini IBhayibhile?

Ngaba uThixo unalo igama?

ABANYE ABANTU BATHI akanalo, ukanti abanye bathi nguThixo okanye iNkosi, ngoxa abanye besithi amagama akhe maninzi. Wena uthini?

OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE

“Wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.”—INdumiso 83:18.

ENYE INTO ESIYIFUNDA EBHAYIBHILENI

  • Nakubeni uThixo ebizwa ngeendlela ezininzi, kodwa linye kuphela igama lakhe.—Eksodus 3:15.

  • UThixo ufuna simazi.—IZenzo 17:27.

  • Into yokuqala onokuyenza ukuze ube ngumhlobo kaThixo kukwazi igama lakhe.—Yakobi 4:8.

Ngaba akulunganga ukubiza igama likaThixo?

UBUYA KUTHINI?

  • Ewe

  • Hayi

  • Kuyaxhomekeka

OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE

“Uze ungaliphathi njengelingento yanto igama likaYehova uThixo wakho.” (Eksodus 20:7) Ekuphela kwexesha ekungalunganga ukusebenzisa igama likaThixo ngalo kuxa lingahlonitshwa.—Yeremiya 29:9.

ENYE INTO ESIYIFUNDA EBHAYIBHILENI