I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMBONISELO NO. 1 2016

Ithini IBhayibhile?

Ithini IBhayibhile?

Kwenzeka ntoni kuthi xa sisifa?

ABANYE ABANTU BAKHOLELWA ukuba siphila kwesinye isimo, ngoxa abanye becinga ukuba umntu akasoze aphinde aphile emva kokuba efile. Uthini wena?

OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE

“Abafileyo, abazi nto konke konke.” (INtshumayeli 9:5) Xa sisifa, kuphelile ngathi.

ENYE INTO ESIYIFUNDA EBHAYIBHILENI

  • Umntu wokuqala, uAdam, wabuyela eluthulini akufa. (Genesis 2:7; 3:19) Wonke ke umntu xa esifa ubuyela eluthulini njengoAdam.—INtshumayeli 3:19, 20.

  • Xa abantu besifa bayagwetyelwa okanye bakhululwe kwizono zabo. (Roma 6:7) Emva kokuba umntu efile, akaphindi ohlwayelwe isono.

Ngaba abafi bangaphinda baphile?

NGABA UNGATHI?

  • Ewe

  • Hayi

  • Mhlawumbi

OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE

“Kuza kubakho uvuko.” —IZenzo 24:15.

YIYIPHI ENYE INTO ESINOKUYIFUNDA EBHAYIBHILENI?

 

Funda Okungakumbi

Baphi Abafileyo?

Funda ngoko kuthethwa yiBhayibhile ngendawo abakuyo abafi nesizathu sokuba bafe.

Ithini IBhayibhile Ngokufa?

Kwenzeka ntoni kuthi xa sisifa? Ngaba likho ithemba lokudibana nabantu bethu esibathandayo abafayo? Khawuve iimpendulo ezithuthuzelayo zeBhayibhile kwimibuzo engokufa.