Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMboniselo (Yokufundisa)  |  Januwari 2018

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Ngaba imigaqo ekuMthetho KaMoses yayisebenza ekuxoxeni amatyala kuSirayeli wamandulo?

YAYISEBENZA ngamanye amaxesha. Nanku umzekelo. IDuteronomi 24:14, 15 ithi: “Uze ungamqhathi umqeshwa osenkathazweni nolihlwempu, enoba ngowakubazalwana bakho okanye ngowakubaphambukeli bakho abasezweni lakho . . . Hleze akhale ngawe kuYehova, kuze oko kube sisono kuwe.”

Ucwecwe lodongwe esasibhalwe kulo isicelo somntu osebenza efama

Kufunyenwe ingxelo yetyala elilolu hlobo elalenzeke kwiminyaka yoo-600 B.C.E. Ifunyenwe kufuphi naseAshdode. Mhlawumbi yayibhalelwe umntu osebenza emasimini owayetyholwa ngokungezi neenkozo ekwakufuneka aze nazo. Lo mbhalo wawukucwecwe lodongwe wawusithi: “Kwiintsuku ezimbalwa sigqibile isicaka sakho [ummangalelwa] ukufaka isivuno koovimba, kwafika uHoshayahu, unyana kaShobay wathatha isambatho sesicaka sakho. . . . Babekho nabanye endandivuna nabo kwelo langa lalitshisa nyhani nabo bangandingqinela . . . ukuba ndithetha inyani. Andinatyala. . . . Ukuba umlawuli uthi ayingomsebenzi wakhe ukuyalela ukuba kubuyiswe isambatho sesicaka sakhe, ndicela asisizele! Akamelanga athi cwaka xa isicaka sakhe sithathelwe isambatho saso.”

Umbhali-mbali uSimon Schama uthi: “Esi sicelo asisixeleli nje ngomsebénzi owayefuna ukubuyiselwa [isambatho sakhe]. Sibonisa nokuba lo mntu ucelayo wayewazi umthetho oseBhayibhileni, ingakumbi umyalelo okwiLevitikus neDuteronomi owawusithi abamele baphathwe gadalala abantu abahluphekileyo.”