I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVUKANI! OKTOBHA 2015

 OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Ukuzivelela Kwezinto

Ukuzivelela Kwezinto

Abanye abantu bathi izinto eziphilayo zazivelela. Abanye bathi uThixo wadala into yokuqala, emva koko wayekela kuzo ukuba ziqhubeke ngokuzivelela. Ithini yona iBhayibhile?

Ngaba iivesi zeBhayibhile ezithetha ngokudalwa kwezinto ziyikhaba ngaw’ omane into yokuba indalo yaqala ngesithonga sogqabhuko-dubulo?

IBhayibhile ithi: “Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.” (Genesis 1:1) Ayitsho ukuba uThixo wazidala njani kanye kanye izinto. Ngoko ke, nokuba kwabakho ugqabhuko-dubulo olwabangela kubekho indalo, loo nto ayiphikisani neBhayibhile. Ukusuk’ apho, iGenesis 1:1 ingasuke isixelele ukuba ngubani owenza olo gqabhuko-dubulo.

Kakade ke, oososayensi abaninzi bakholelwa ukuba isithonga sogqabhuko-dubulo yinto eyazenzekelayo, emva koko iingceba zaqokelelana zaza zenza iinkwenkwezi neeplanethi emva kwexesha. Leyo ke iBhayibhile iyikhaba ngaw’ omane, kunoko ithi nguThixo ngokwakhe owadala zonke izinto, enoba wenza kwabakho isithonga sogqabhuko-dubulo okanye wenza ngenye indlela.

“Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.”Genesis 1:1.

Ngaba iBhayibhile iyavuma ukuba izidalwa ziyakwazi ukutshintsha emva kwexesha?

Ewe. IBhayibhile ithi, uThixo wadala izinto eziphilayo “ngohlobo lwazo.” (Genesis 1:11, 12, 21, 24, 25) Ngaba kunokwenzeka ukuba kubekho iintlobo ngeentlobo zesidalwa esinye? Ewe. Kodwa, ngaba xa isidalwa sitshintsha ukuze sikwazi ukuphila kwimeko ethile kubonisa ukuba kuye kuvele esinye isidalwa esingesiso esiya? Akunjalo.

Khawucinge ngalo mzekelo: Ngeminyaka yoo-1970, abaphengululi bafunda indlela oluphila ngayo uhlobo oluthile lwentaka ehlala kwiziqithi zaseGalápagos. Baqaphela ukuba ukutshintsha kwemozulu kwenza ukuba iintaka ezinomlomo omkhudlwana kunowezinye zingafi msinya. Abanye bathi obu yayibubungqina bokuba izinto zazivelela. Kodwa ngaba yinyani leyo, okanye oku kubonisa ukuba izidalwa ziyakwazi ukutshintsha zize zilungele imeko? Emva kweqela leminyaka, laphinda landa inani leentaka ezinemilomo emincinane zaza zangaphezulu kunezo zinemilomo emikhulu. Oku kwenza ukuba uprofesa uJeffrey H. Schwartz oyingcali yolwazi nembali yoluntu kunye nendalo agqibe kwelokuba ukutshintsha kwesilwanyana ukuze silungele imeko akuthethi kuthi “kudaleka esinye isilwanyana.”

 Ngaba imfundiso yokuba izinto zazivelela ingaze ivumelane neBhayibhile?

IBhayibhile ithi “[uThixo] wadala zonke izinto.” (ISityhilelo 4:11) Akazange ‘aphumle’ de wawugqiba umsebenzi. (Genesis 2:2) Lizicacele elokuba: UThixo akazange adale into engenabomi waza wahlala wayibukela ivelisa ezinye iintlobo ngeentlobo zentlanzi, iimfene kunye nabantu. * Le yokuba esinye isidalwa siyajika size sibe sesinye iyaphikisana nokuba uThixo ngumdali ethi iBhayibhile “wenza amazulu nomhlaba, nolwandle, nayo yonk’ into ekuzo.”—Eksodus 20:11; ISityhilelo 10:6.

“Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.”ISityhilelo 4:11.

Ukuze ufunde okungakumbi: IBhayibhile ithi uThixo “iimpawu zakhe ezingabonakaliyo zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili, ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo.” (Roma 1:20) Ukufunda ngoThixo kungakunceda uphile ubomi obunenjongo, kuba ngothando unenjongo ngabo bamfuna ngokwenene. (INtshumayeli 12:13; Hebhere 11:6) Ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi, ngena ku-www.jw.org/xh okanye uthethe namaNgqina kaYehova. Funda phantsi komxholo othi IIMFUNDISO ZEBHAYIBHILE > IMIBUZO YEBHAYIBHILE IYAPHENDULWA.

^ isiqe. 12 Ngokwahlukileyo koko kuthethwa ngabantu abafundisa ukuba izinto zazivelela, iBhayibhile ayifundisi ukuba uThixo wadala ngeentsuku ezisithandathu ezineeyure eziyi-24. Ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi, funda iphepha 24-27 le ncwadana ethi Ngaba Izinto Eziphilayo Zadalwa? Le ncwadana ipapashwe ngamaNgqina kaYehova ibe ungazikhuphelela yona simahla ku-www.jw.org/xh.