I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVUKANI! OKTOBHA 2015

 NGABA YADALWA?

Untulo WaseOstreliya Onesikhumba Esifunxa Amanzi

Untulo WaseOstreliya Onesikhumba Esifunxa Amanzi

UNTULO waseOstreliya ufunxa amanzi ombethe, awomophu nawentlabathi emanzi. Emva koko la manzi ahamba ngemithambo yawo aze aye kufika emlonyeni. Njani? Le mfihlelo isenokuba ikwisikhumba esingaqhelekanga seli cikilishe.

Amanzi angena kwizigingqi eziphakathi kwamaxolo aze ahambe ngemithambo ukuya emlonyeni

Khawucinge ngoku: Isikhumba salo ntulo sinamaxolo. Abanye oososayensi bacinga ukuba ukufuma okanye umbethe ophezu kwala maxolo ungena esikhumbeni ngezigingqi eziphakathi kwawo. Le mithambo yokuhambisa amanzi ixananazileyo ihamba iye emlonyeni.

Lo ntulo uwatsala njani amanzi ukusuka emilenzeni, atyhubele emzimbeni aye kufika emlonyeni? Kwaye ukufunxa njani ukufuma esebenzisa isisu?

Abaphandi bayifumene imfihlelo yalo ntulo. Amanzi angena kwimingxunyana yesikhumba, aze atyhubele ngaphakathi esikhumbeni aze enyuke njalo ukuya emlonyeni. Untulo uye afunxe amanzi ngale mingxuma. Isikhumba sakhe sisebenza njengesiponji.

UJanine Benyus, ongumongameli weziko elenza oomatshini abakotshwe kwizilwanyana uthi, ukwenza izixhobo ezifunxa ukufuma njengontulo kunokunceda iinjineli ziyile isixhobo esikwaziyo ukufunxa ukufuma okusemoyeni ukuze izakhiwo zingabikho shushu, kuze kufumaneke namanzi okusela.

Ucinga ntoni? Ngaba isikhumba sikantulo waseOstreliya esifunxa ukufuma sazivelela? Okanye sadalwa?