I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVUKANI! SEPTEMBA 2015

 OKWENZEKA EHLABATHINI

Makhe Sithethe Ngombindi Mpuma

Makhe Sithethe Ngombindi Mpuma

UMbindi Mpuma wawufudula uliziko lempucuko kwihlabathi lamandulo, ngenxa yoko inamanxiwa amaninzi ekunokwembiwa kuwo izinto zakudala.

Abenzi Bewayini BamaKanan

Ngo-2013 abembi bezinto zakudala bafumana izisele zamaKanan zokugcina iwayini ezazisetyenziswa kwiminyaka emalunga neyi-3 700 eyadlulayo. Ezi zisele zazinemiphanda eyi-40 emikhulu enokulingana neebhotile eziyi-3 000 zewayini. Umembi wezinto zakudala owayehlola intlenge eyetshele kule miphanda wafumanisa ukuba amaKanan ayenobuchule bokwenza iwayini. Wathi: “Yonke le miphanda yadidiyelwa ngendlela efana twatse.”

NGABA UBUSAZI? IBhayibhile ithetha ngokuveliswa ‘kweyona wayini ilungileyo’ nguSirayeli wamandulo, nokugcinwa kwayo kweyona miphanda mikhulu.—INgoma yazo iiNgoma 7:9; Yeremiya 13:12.

Ukwanda Kwabantu

Ngo-2012 eYiputa kuye kwazalwa abantwana abangakumbi abayi-560 000, kunango-2010, ngokutsho kweGuardian newspaper. UMagued Osman weziko lophando laseYiputa iBaseera wathi: “Eli lelona nani lakha lalikhulu kuyo yonke imbali yaseYiputa.” Ukuba abantu bayaqhubeka besanda ngesi santya, ezinye iingcali zithi, ilizwe liya kuba kunengxaki yokunqongophala kwamanzi, umbane nokutya.

NGABA UBUSAZI? IBhayibhile ithi, injongo kaThixo kukuba abantu ‘bazalise umhlaba,’ ngomlinganiselo osengqiqweni kodwa kungabikho mntu usweleyo.—Genesis 1:28; INdumiso 72:16.

Kufunyenwe Iimfumba Yeengqekembe

Kwafunyanwa iingqekembe zobhedu ezingaphezu kwe-100 ezibhalwe “Unyaka Wesine” ngakuhola wendlela kwaSirayeli. Lo nyaka ubhekisela kunyaka wesine wokuvukela kwamaYuda amaRoma (ngo-69-70 C.E.)—le mvukelo yakhokelela ekutshatyalalisweni kweYerusalem. UPablo Betzer ongumalathisi wolu phando uthi: “Kuyabonakala ukuba lo mntu wayebona ukuba isiphelo sisemnyango—mhlawumbi wayeyibona imikhosi yamaRoma eyayihlasela. Wazifihla kuba ecinga ukuba uza kuphinda azifumane.”

NGABA UBUSAZI? Ngo-33 C.E. uYesu wachaza ukuba iYerusalem yayiza kurhangqwa ngamaRoma. Wayalela amaKristu ukuba asabele ezintabeni ukuze akhuseleke.—Luka 21:20-24.