I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVUKANI! JULAYI 2015

 INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA NGUWE OLAWULA UBOMI BAKHO?

Ingxaki: Iimeko Ongenakuzitshintsha

Ingxaki: Iimeko Ongenakuzitshintsha

NGABA uye wahlaselwa sisifo esinganyangekiyo? waqhawula umtshato? okanye wafelwa ngumntu omthandayo? Iimeko ezinjalo zisenokubonakala zibulawula ubomi bakho, kodwa wena ube unqwenela ukuba zingatshintsha. Unokukwazi njani ukubulawula ubomi bakho kwakhona?

UMZEKELO OSEBHAYIBHILENI: UPAWULOS

Ngenkulungwane yokuqala umpostile uPawulos waya kumazwe ahlukahlukeneyo njengomvangeli okhutheleyo. Kodwa uhambo lwakhe lwaphazamiseka ngokusuke abanjwe engenatyala aze avalelwe endlwini iminyaka emibini egadwe lijoni. Endaweni yokuba alahl’ ithemba, uPawulos wacinga ngoko anokukwenza. Wasebenzisa iBhayibhile ukukhuthaza nokuthuthuzela abantu ababemtyelela. Wada wabhala neeleta eziliqela, ngoku eziyinxalenye yeBhayibhile.—IZenzo 28:30, 31.

OKWENZIWA NGUANJA

Njengoko kuchaziwe kwinqaku elingaphambi kweli, uAnja akakwazi kuphuma endlwini. Uthi: “Isifo somhlaza sibutshintshe ngokupheleleyo ubomi bam. Andinako ukuzibeka esichengeni sokosulelwa zizifo, ngoko andisaphangeli ibe ndiyinkom’ edla yodwa.” Yintoni ayenzayo uAnja ukuze akwazi ukumelana nale meko angenakuyitshintsha? Uthi: “Ndiye ndenza utshintsho kubomi bam bemihla ngemihla. Ndizenzele ucwangciso lokuqala ngokwenza ezona zinto zibalulekileyo kum endinamandla okuzenza. Oko kundinceda ndikwazi ukubulawula ubomi bam.”

“Ndiye ndafunda ukwaneliseka, phantsi kwazo naziphi na iimeko.”—Amazwi kaPawulos akwabaseFilipi 4:11

OKO UNOKUKWENZA

Ukuba wehlelwa yimeko ongenakuyitshintsha, zama la macebiso alandelayo:

  • Cinga ngoko unokukwazi ukukwenza. Ngokomzekelo, usenokungakwazi ukuyitshintsha impilo yakho, kodwa ngaba akunakuzama ukujima, utye ukutya okunempilo, uze uphumle ngokwaneleyo?

  • Zibekele usukelo lwento obungathanda ukuyenza ebomini. Cinga ngezinto ezincinane onokuzenza ukuze ulufikelele. Zama ukuchitha nokuba lixesha elincinane suku ngalunye usenza ezo zinto.

  • Yenza izinto ezikwenza uvakalelwe kukuba uyabulawula ubomi bakho, enoba zincinane kangakanani na, njengokucoca itafile yasekhitshini, ukuhlamba izitya nokunxiba kakuhle. Qala usuku ngokwenza ezona zinto zibalulekileyo.

  • Cinga ngendlela esenokuba yingenelo ngayo imeko yakho. Ngokomzekelo, ngaba ikufundisa indlela onokumelana ngayo neemeko ezinzima? Ngaba oko ukufundileyo unokukusebenzisa ukuze uncede abanye?

Lilonke: Usenokungakwazi ukuyitshintsha imeko okuyo, kodwa unako ukuyilawula indlela osabela ngayo.

Funda Okungakumbi

Ukuphila Nesifo Esinganyangekiyo—Ngaba IBhayibhile Ingakunceda?

Funda ngeendlela ezintathu ezinokukunceda unyamezele isigulo esinganyangekiyo.

Oko Kuthethwa YiBhayibhile Ngeentlungu

Ngaba uThixo ukukhathalele ukulingwa nokuba sentlungwini kwethu?