I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVUKANI! JULAYI 2015

 AMAZWE NABANTU

Ukutyelela EMongolia

Ukutyelela EMongolia

UGENGHIS KHAN, ijoni elilikroti elaliphila ngeminyaka yee-1100, wayila uBukhosi baseMongolia. IMongolia namhlanje lilizwe elincinane kobo bukhosi elifumaneka phakathi kweRashiya neTshayina, ibe lelinye lamazwe anabemi abambalwa.

IMongolia inamathafa anengca, iinduli, iintaba eziphakamileyo kunye nemilambo. Kumazantsi eli lizwe kukho iNtlango iGobi edume ngokuba namathambo ezilwanyana ezafa kudala, iidinosaur. Abemi bakhona bayibiza ngokuba ‘Lilizwe Lesibhakabhaka Esiluhlaza.’ Eli gama liyayifanela, kuba amaxesha amaninzi izulu lisoloko lityhilile!

Ihlosi elihlala ekhephini

Imozulu yaseMongolia ibaxekile. Ehlotyeni amaqondo obushushu enyuka aye kufikelela ku-40° Celsius, kanti ebusika kubakho ingqele eqhaqhazelis’ amazinyo. Phantse isiqingatha sabemi baseMongolia ngoonothwal’ impahlana. Ekuseni amadoda namabhinqa asenga iibhokhwe, iinkomo, iinkamela namahashe.  Ukutya okuthandwayo apho yimveliso yobisi kunye nenyama, ingakumbi inyama yegusha.

Amaqebengwana enziwe ngamasi aza abekwa elangeni

Abantu baseMongolia banobubele. Abazitshixi iintente zabo ukuze abantu abagqitha ngendlela bakwazi ukungena, baphumle, baze batye nezimuncumuncu abazibekelweyo. Iindwendwe zidla ngokwenzelwa iti eshushu enobisi nentwana yetyuwa.

Namhlanje olona nqulo ludumileyo eMongolia bubuBhuda. Bakhona abambalwa abangamashaman, amaSilamsi, kunye namaKristu, kodwa ke abaninzi abakhonzi. EMongolia kukho amaNgqina kaYehova angaphezu kwe-350, afundisa abantu abangaphezu kwe-770 iBhayibhile.

Iinkamela ezithwele imithwalo kwimozulu eqhaqhazelis’ amazinyo