I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVUKANI! MATSHI 2015

 OKWENZEKA EHLABATHINI

Makhe Sithethe NgeAfrika

Makhe Sithethe NgeAfrika

Imibutho emininzi kunye nabantu bayaqhubeka bezama ukuphucula ubomi bama-Afrika. Noko ke, eli lizwekazi lisathiwe mbende ziingxaki ezibonakala zingenakulungiseka.

Ukuzingelwa Komkhombe

Ngo-2013, eMzantsi Afrika kuye kwabulawa ngokungekho mthethweni imikhombe eyi-1 004, xa kuthelekiswa neyi-13 nje kuphela eyabulawa ngo-2007. Nakuba uphondo lomkhombe luxhaphakile, lufunwa ngabantu abaninzi kangangokuba ikhilogram yalo inokubiza ngaphezu kweyegolide. Uphondo olunye lunokude lubize isiqingatha sesigidi seedola.

KHAWUCINGE NGOKU: Ngaba oorhulumente bangaze bakwazi ukuphelisa ulwaphulo-mthetho?—Yeremiya 10:23.

Ukunyoba Okungachazwayo Kwabasemagunyeni

Ngokutsho kweTransparency International, umbutho olwa nxamnye norhwaphilizo, amazwe aseMpuma Afrika ngawona abalaseleyo ngokunyoba emhlabeni wonke. Noko ke, malunga ne-90 pesenti yabantu abafunwa isinyobo abakuchazi oko kwabasemagunyeni. Isithethi sesebe eliseKenya lalo mbutho sithi: “Kubonakala ukuba abantu ababathembi oorhulumente ukuba baza kuzihoya izikhalazo zabo ngorhwaphilizo.”

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE: “Isinyobo siyabamfamekisa ababona kakuhle.”—Eksodus 23:8.

IAfrika Ne-intanethi

Ngokutsho kweInternational Telecommunication Union, umbutho ojongene nezonxibelelwano nge-intanethi, amalunga neepesenti eziyi-20 amazwe aseAfrika ebekulindeleke ukuba asebenzise i-intanethi ngo-2014. Indlela elikhula ngayo inani labantu baseAfrika abasebenzisa i-intanethi ngezixhobo ekulula ukuziphatha liliphinda kabini elo labantu ehlabathini lonke