I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVUKANI! MATSHI 2015

 NGABA YADALWA?

Ummangaliso Weendlebe Zenundu

Ummangaliso Weendlebe Zenundu

KUKHO inundu elikwazi ukuva izandi ezitsholo phezulu ngaphezu kwaso nasiphi na esinye isidalwa emhlabeni, nangona iindletyana zalo zilingana nentloko yenaliti ibe zingenabugocigoci bungako.

Khawucinge ngoku: Sekuyiminyaka oososayensi befunda ngeendlebe zeli nundu. Kutshanje, oososayensi beYunivesithi yaseStrathclyde eSkotlani baye bahlola indlela eli nundu eliziva ngayo izandi ezahlukahlukeneyo. Bafumanise ukuba liva nezona zandi ziphantsi. Lodlula nkqu nelulwane kunye nenguza, singasathethi ke ngabantu.

Ngokutsho kukaGqirha James Windmill weYunivesithi yaseStrathclyde, abaphandi bangathanda ukukopa indlela eliva ngayo eli nundu “ukuze baphucule izinto ezifana nesandisi-lizwi, baze basenze sibe sincinane nangakumbi. Ezi zandisi-lizwi zingafakwa kwizinto ezifana neselfowuni kunye nesixhobo sokuva.”

Ucinga ntoni? Ngaba iindlebe zeli nundu zazivelela? Okanye zadalwa?