Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVukani!  |  Februwari 2015

Ubulumko obukhuselayo

Ubulumko obukhuselayo

“Intlawulelo yomphefumlo womntu bubutyebi bakhe, kodwa osweleyo akeva kukhalinyelwa [akakho sichengeni].”—IMIZEKELISO 13:8.

NAKUBA ukuba sisityebi kukhe kube luncedo, kusenokuzisa neshwangusha, ingakumbi kweli xesha siphila kulo. (2 Timoti 3:1-5) Kwamanye amazwe abantu abazizityebi, nabakhenkethi ababonakala befumile baba ngamaxhoba amasela nokuxhwilwa kuze kufuneke bakhululwe ngemali.

Elinye ijelo leendaba lithi ngelizwe elithile elisakhasayo: “Ukuphangwa ngendlela ekhohlakeleyo, urhwaphilizo, ukuxhwilwa kwenza izityebi namahlwempu iintshaba. Iindawo zokutyela ziba noomantshingilane abaxhobileyo; yona imizi yezityebi ibiyelwa ngamacingo ahlabayo, ibenezibane zaphandle ezikhanyisa kakhulu, iikhamera kunye noomantshingilane.” Namanye amazwe amaninzi anayo le ngxaki.

Kodwa iBhayibhile ithi ngamahlwempu, “osweleyo akeva kukhalinyelwa [akakho sichengeni].” Singafunda ntoni kula mazwi obulumko? Ukuba uhlala kwindawo edume ngolwaphulo-mthetho nobundlobongela, okanye kufuneka uhambe kwindawo enjalo, musa ukuzibizela amehlo ngokubonakala njengomntu onemali. Zicebe kakuhle izinto ozinxiba okanye oziphatha phakathi kwabantu, ingakumbi ukuba ezo zinto zibiza amehlo. IMizekeliso 22:3 ithi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle, kodwa abangenamava bayadlula baze bafumane isohlwayo.”

Ubulumko esibufumana eBhayibhileni busibonisa indlela uMdali wethu asikhathalele ngayo. Ufuna sikhuseleke. INtshumayeli 7:12 ithi: “Ubulumko bubagcina bephila abo banabo.”

Funda Okungakumbi

Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!

Isinceda Njani Imigaqo YeBhayibhile?

UYesu wachaza isizathu sokuba kufuneka sikhokelwe, nemigaqo emibini eyeyona ibalulekileyo.

IMIBUZO YEBHAYIBHILE IYAPHENDULWA

Ngaba IBhayibhile Ibhalwe Ngobulumko Babantu?

Khawuve ukuba iBhayibhile ithini xa izithethelela.

UVUKANI!

Ubulumko Buyamemeza—Uyabuva Na?

Ubulumko bokwenene buza kuzicombulula iingxaki zabantu.