I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVUKANI! FEBRUWARI 2015

 INQAKU ELINGUMXHOLO

Ngaba IBhayibhile Iluncedo Namhlanje?

Ngaba IBhayibhile Iluncedo Namhlanje?

‘Okokuqala ngqa ebomini bam, ndafumana ulonwabo.’

UHILTON wayewuthanda umdlalo wamanqindi. Xa wayeneminyaka esixhenxe, wayesoloko esilwa! Xa wayekwisikolo samabanga aphakamileyo, yena nabahlobo bakhe babehlala bekhangela umntu abanokumbetha. Uthi: “Ndandilisela, ndingcakaza, ndibukela iphonografi, ndingawaphathi kakuhle amabhinqa, ndithuka nabazali bam. Abazali bam babecinga ukuba andinakuze nditshintshe. Emva kokuba ndigqibe isikolo, ndemka ekhaya.”

Xa uHilton wabuyela kowabo emva kweminyaka eyi-12, abazali babengakholelwa ukuba lo yayingunyana wabo! Wayezolile, enesidima futhi enentlonipho. Yintoni le yamnceda watshintsha kangaka? Ukumka kwakhe ekhaya, waye wacingisisa ngekamva lakhe. Wafundisisa iBhayibhile efuna ukubona ukuba ingabutshintsha na ubomi bakhe. UHilton uthi: “Ndandiye ndizenze izinto endizifunde eBhayibhileni, loo nto ke yayitheth’ ukuba nditshintshe ubuntu bam ndize ndenze umyalelo okumaEfese 6:2, 3 wokuthobela abazali bam. Okokuqala ngqa ebomini bam, ndafumana ulonwabo lokwenene ndaza ndavuyisa umama notata, ndayeka ukubakhathaza!”

Ibali likaHilton libonisa indlela eluncedo ngayo iBhayibhile, nendlela enamandla ngayo imilinganiselo yayo. (Hebhere 4:12) Makhe sithethe ngeminye yale milinganiselo—ukunyaniseka, ukuzeyisa, ukuthembeka emtshatweni kunye nothando—nendlela ezi zinto ezinokusinceda ngayo ebomini.

Funda Okungakumbi

Ngaba IBhayibhile Yincwadi Nje Emnandi?

Kutheni abantu babeka ubomi babo esichengeni ukuze nje bafunde okanye babe neBhayibhile?