I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVUKANI! JULAYI 2014

 AMAZWE NABANTU

Ukutyelela EIreland

Ukutyelela EIreland

I-IRELAND eyaziwa ngokuba yi-“Emerald Isle” yahlulwe yangamazwe amabini: elona likhulu yiRepublic of Ireland ezimeleyo, kunye nelinye elincinane eliyiNorthern Ireland eliyinxalenye yeUnited Kingdom.

Indlela Yesigebenga

I-Ireland ibizwa ngokuba yiEmerald Isle kuba ukuxhaphaka kweemvula apho kwenza eso siqithi sisoloko siluhlaza oku kwelitye elinqabileyo eliluhlaza iemerald. Sikwahonjiswe nangamachibi nemilambo emihle kwanothotho lweentaba neenduli ezigudle unxweme.

Indlu efulelweyo

Abantu baseIreland baye banyamezela iimeko ezinzima. Ngokomzekelo, kuqikelelwa ukuba ukususela ngonyaka ka-1845 ukusa ku-1851, kwafa abantu abamalunga nesigidi ngenxa yendlala nezifo ezabangelwa kukuntlithwa kwesivuno seetapile zalapho sisifo sezityalo. Oko kwenza ukuba abemi abaninzi balapho babalekele kumazwe anjengeBritani, iKhanada, iOstreliya neUnited States. Ngoku bamalunga nezigidi eziyi-35 abemi abakumazwe aseMerika abanemvelaphi yaseIreland.

Abantu baseIreland badume ngokuba nobubele nokubuk’ iindwendwe. Bathanda ukuzonwabisa ngemidlalo enjengokukhwela amahashe, ukudlala iqakamba,  umbhoxo nebhola ekhatywayo. Amabhinqa athanda kakhulu umdlalo wehoki.

Kwakhona abantu baseIreland bayakuthanda ukuncokola, yaye bayawuthanda nomculo. Umngqungqo waseIreland udumile ehlabathini lonke. Xa besenza lo mngqungqo abadanisi bema nkqo baze bashukumise iinyawo kuphela ngocwangco nangokukhawuleza.

Iqela lomculo laseIreland

Sele kudlule iminyaka elikhulu amaNgqina kaYehova ekho eIreland. Sithethanje, angaphezu kwe-6 000 amaNgqina ahlala apho efundisa abantu iBhayibhile.

Umculo wesi-Irish udlalwa ngezixhobo eziboniswe ngezantsi, ukususela ekhohlo ukuya ekunene: uhadi, ibagpipe, ifidyoli, ikhodiyani, impempe yenkcenkce, negubu

NGABA UBUSAZI?

Indlela Yesigebenga, ekunxweme olusemantla lweNorthern Ireland, yakhiwe ngamawakawaka amatye abangelwe kukudubula kwentaba-mlilo ekufuphi nolo lwandle.