I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVUKANI! APRILI 2014

 AMAZWE NABANTU | EKHAMBODIYA

Ukutyelela EKhambodiya

Ukutyelela EKhambodiya

IILALI EZISEMANZINI, abantu abaquqa bebuyelela ezivenkileni kunye nezitrato ezizele izithuthuthu ezikhwelise iinkukhu eziphilileyo neefriji—ezi zezinye zezinto eziseKhambodiya.

Abantu baseKhambodiya baziwa ngokuba nobubele nobuhlobo, yaye basondelelene. Xa behleli kunye bezipholele, enokuba bayaqala ukudibana badla ngokubizana mntakwethu, dadewethu, makazi, malume, makhulu okanye tatomkhulu!

Abanye abantu baseKhambodiya bahlala kwizikhitshane, ngoxa abanye behlala kwizindlu ezidadayo. Kukwakho nezikolo, iikliniki, iivenkile nezikhululo zepetroli ezidadayo

Isiqhamo idragon siyathandwa eKhambodiya

Irayisi sesinye sezidlo ezibalaseleyo eKhambodiya. Isidlo salapho siba neendidi ezintathu okanye ezine, kuquka isuphu. Intlanzi ithandwa gqitha kwelo lizwe. Iqhelekile into yokuba isidlo esinye sibe nokutya okuswiti, okumuncu, nokunetyuwa eninzi.

Malunga namawaka amabini eminyaka eyadlulayo, amaNdiya awayesiya eTshayina ngezorhwebo ayesima  kunxweme lwaseKhambodiya, arhwebe nayo ngesilika nesinyithi, aze wona afumane izinongo, iziqholo, iimpondo zendlovu negolide. Ekuhambeni kwexesha, abantu baseKhambodiya baphenjelelwa zizithethe zaseIndiya nezaseTshayina, kwaza ngaloo ndlela kwanda ubuHindu nobuBhuda. Ngoku, ngaphezu kwe-90 pesenti yabantu abahlala eKhambodiya ngamaBhuda.

AmaNgqina kaYehova ashumayela ngethemba eliseBhayibhileni eKhambodiya. Ancede abantu abaninzi ngencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Ifumaneka ngeelwimi ezimalunga ne-250, kuquka olwaseKhambodiya.

Bangaphezu kwe-1 500 abantu baseKhambodiya abafunda iBhayibhile kunye namaNgqina kaYehova, yaye bafumana iimpendulo kwimibuzo enjengethi, “Baphi abafileyo?” nothi “Iyintoni injongo kaThixo ngomhlaba?”

Incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova, iyafumaneka nangolwimi lwaseKhambodiya (oluboniswe apha).