Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVukani!  |  Aprili 2014

 UDLIWANO-NDLEBE | UFRÉDÉRIC DUMOULIN

Umphandi Uchaza Ukholo Lwakhe

Umphandi Uchaza Ukholo Lwakhe

Ngaphezu kweminyaka elishumi, uFrédéric Dumoulin ebesebenza kwicandelo lophando lwezamayeza kwiYunivesithi iGhent eseBelgium. UFrédéric wayekade engakholelwa ukuba uThixo ukho. Kodwa ekuhambeni kwexesha waye wakholelwa ukuba nguThixo odale izinto eziphilayo. UVukani! uye wadlan’ indlebe noFrédéric—ngoku oliNgqina likaYehova—embuza ngomsebenzi nangokholo lwakhe.

Ngaba icawa ibe nempembelelo ekukhuleni kwakho?

Ewe. Umama wayengumRoma Katolika. Kodwa xa ndafunda ngeeMfazwe Zonqulo nokuNcinwa Ngenkohlakalo Kwamakholwa, ndalwenyanya unqulo ndaza andafuna nto indidibanisa nalo. Kwakhona ndaye ndafunda ngeecawa ezingezizo ezobuKristu ndaza ndabona ukuba nazo azikho bhetele nganto. Xa ndandineminyaka eyi-14, ndaqiqa ngelithi ukuxhaphaka korhwaphilizo ezicaweni kungqina ukuba uThixo akakho. Ngoko ndayamkela ngokulula imfundiso yasesikolweni yokuba izinto zazivelela.

Yintoni ekwenze wanomdla kwisayensi?

Xa ndandineminyaka eyi-7, ndaphiwa imakroskopu yaye yaba yinto yokudlala endiyithandayo. Ndandimane ndijonga ngayo izinambuzane ezinomtsalane, njengamabhabhathane.

Yintoni ekwenze wanomdla kwimvelaphi yobomi?

Xa ndandineminyaka eyi-22, ndadibana nososayensi oliNgqina likaYehova. Wayekholelwa ukuba nguThixo odale izinto. Kwandothusa gqitha oko. Ndandicinga ukuba ndingambonisa ngokulula ukuba iinkolelo zakhe zibubuvuvu. Kodwa okwandimangalisayo kukuba wayiphendula ngokucacileyo imibuzo yam. Oko kwandenza ndanomdla wokudibana nabantu abakholelwayo kuThixo.

Kwiinyanga kamva, ndadibana nelinye iNgqina elalinolwazi ngezamayeza. Xa lalifuna ukundichazela ngeenkolelo zalo, ndavuma kuba ndandifuna ukwazi isizathu sokuba abantu bakholelwe kuThixo. Ndandifun’  ukulibonisa ukuba liyalahleka.

Wakwazi ke ukulibonisa?

Hayi, andizange ndikwazi. Ukusuk’ apho ndaqalisa ukuphanda ngemvelaphi yobomi. Yaye ndamangaliswa gqitha xa ndafumanisa ukuba oososayensi abaphum’ izandla bathi iiseli zintsonkothe ngohlobo lokuba azinakuba zazivelela. Abanye bakholelwa ukuba iiseli zivela emajukujukwini. Bayaphikisana ngemvelaphi yobomi.

Ngaba ikho into abavumelana ngayo?

Into engumnqa yeyokuba, oososayensi abaninzi bayavuma ukuba ngandlel’ ithile abangayaziyo izinto eziphilayo zivele kwinto engaphiliyo. Ndazibuza ukuba, ‘Xa ke bengazi ukuba ubomi bunokubakho njani ngaphandle koMdali, baqiniseka njani ukuba injalo loo nto?’ Ngoko ndaqalisa ukuphanda ngoko iBhayibhile ikufundisayo ngemvelaphi yobomi.

Ufumene ntoni ke ngokufunda iBhayibhile?

Ngokuya ndiyifunda iBhayibhile, nditsho ndakholelwa ngakumbi ukuba inyanisile. Ngokomzekelo, oososayensi basandul’ ukuyazi into yokuba indalo inesiqalo. Kodwa ivesi yokuqala ngqa eBhayibhileni, eyabhalwa kwiminyaka eyi-3 500 eyadlulayo, ithi: “Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.”1 Yaye ndifumanise ukuba xa iBhayibhile ithetha ngesayensi, isoloko inyanisile.

Ndifumanise ukuba xa iBhayibhile ithetha ngesayensi, isoloko inyanisile

Ngaba ukwazi isayensi kwenze kwanzima ukuba ukholelwe kuThixo?

Hayi. Ukuqala kwam ukukholelwa kuThixo, bendisele ndineminyaka emithathu ndifunda isayensi eyunivesithi. Kodwa, ndisamangaliswa nangoku xa ndifunda ngokuyilwa kwezinto eziphilayo, nto leyo endenza ndikholelwe ngakumbi ukuba ukho uMdali.

Ungasenzela umzekelo?

Ewe. Ndiye ndafunda ngoko amayeza nemichiza eyingozi ekwenzayo kwizinto eziphilayo. Kodwa eyona nto indibangel’ umdla yindlela ubuchopho bethu obukhuselwe ngayo kwimichiza eyingozi nakwiintsholongwane. Ubuchopho bethu bukhuselwe ukuze bungachatshazelwa ligazi.

Kutheni ikumangalisa nje loo nto?

Ngaphezu kweminyaka elikhulu eyadlulayo, abaphandi baye baphawula ukuba ukungcola okusegazini kuchaphazela wonke umzimba—ngaphandle kobuchopho nomnqonqo. Iyandimangalisa ke loo nto, kuba kukho imithanjana exananazileyo esa igazi ebuchotsheni. Zonke iiseli zobuchopho zifumana ioksijini egazini, ibe zicocwa kwalilo. Ngoko, yenzeka njani into yokuba ubuchopho bungachatshazelwa ligazi? Oko bekungumnqa kangangeminyaka.

Yintoni ebangela ukuba ubuchopho bukhuseleke?

Imithanjana ehambisa igazi ayifani nemibhobho yeplastiki evalekileyo ukuze okungaphakathi kuyo kungaphumeli ngaphandle. Le mithambo yenziwe ngeeseli. Ezi seli zenza ukuba okungaphakathi kule mithambo kukwazi ukuphumela ngaphandle. Kodwa zona iiseli zemithambo esebuchotsheni bethu zahlukile. Okumangalisayo ngazo kukuba zona zicukene. Zivumela izinto ezimbalwa kuphela ezisegazini ukuba ziphumele ngaphandle kwemithambo zize zifikelele ebuchotsheni—njengeoksijini, icarbon dioxide neglucose. Ezinye izinto ezisegazini, njengeeproteins, aziyi ebuchotsheni. Ngoko imithambo ehambisa igazi iyabukhusela ubuchopho. Oko kundibonisile ukuba nguThixo odale ubomi.