Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVukani!  |  Aprili 2014

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

EUnited States

Isixeko saseLos Angeles, iKhalifoniya, siye senza iirobhothi zaso ezimalunga ne-4 500 zasebenza ngaxesha-nye. Ezi robhothi zithe tshitshilili kummandla ongange-1 215 skwe khilomitha. Iphephandaba iThe New York Times libonisa ukuba iLos Angeles “sisixeko sokuqala esiye sakwazi ukwenjenjalo ehlabathini lonke.”

Ehlabathini

Uhlolisiso olwenziwe ehlabathini lubonisa ukuba phakathi konyaka ka-1990 no-2010 inani labantu abatyebe ngokugqithiseleyo liye lanyuka ngeepesenti eziyi-82. Ukutyeba ngokugqithiseleyo kuyingozi ekhokelela ekufeni ngokuphindwe kathathu kunokungondleki—nangona kumazwe amaninzi ukutya kusanqongophele. Umphandi uMajid Ezzati uthi: “Kwiminyaka eyi-20 edlulileyo besikade singenako ukutya okwaneleyo, kodwa ngoku nditsho nakumazwe asakhasayo, kukho ukutya okuninzi nokungekho mpilweni okusibangela sigule.”

EMidway Island

ILaysan albatross ekuthiwa “yeyona ntaka iphile ixesha elide” iphinde yazala elinye intshontsho. Indala kangakanani le ntaka? Ngo-1956 yayisele ineminyaka emihlanu ukufunyaniswa kwayo ibe ngoku ingaphaya kweminyaka eyi-60. Kubomi bayo le ntaka iye yabhabha kangangeekhilomitha ezizizigidi ezithathu ukuya kwezine, umgama onokuba ngangokusuka apha emhlabeni uye enyangeni izihlandlo ezine ukuya kwezithandathu, ukuya nokubuya.

EMzantsi Afrika

Olunye uhlolisiso olwenziweyo lubonisa ukuba isinye kwisithathu samabhinqa aseMzantsi Afrika sisebenzisa iisepha nezithambiso zokwenza ulusu lukhanye ngakumbi. Ezo zithambiso ziyingozi, yaye kwamanye amazwe ziyekisiwe. Ezinye zezo ngozi sisifo somhlaza nesezintso, istres, ukurhawuzelelwa nezibhaxu.