Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVUKANI! Aprili 2014 | Ucinga Ngokuzibulala?—Izizathu Ezithathu Zokungazibulali

Ngaba wena okanye umntu omaziyo ukhe wacinga ngokuzibulala? Ukwazi izizathu zokungazibulali kunokuziphelisa ezo ngcinga.

Okwenzeka Ehlabathini

Oko kuthethwa ngako: isixeko esenze zonke iirobhothi zaso zasebenza ngaxeshanye, ingozi yempilo eyodlula ukungondleki, nentaka eneminyaka engaphezu kweyi-60 ezele intshontsho.

UKUNCEDA INTSAPHO

Unokukwamkela Njani Ukulungiswa?

Icebiso okanye isiluleko esibuhlungu sinokukunceda njani?

INQAKU ELINGUMXHOLO

Ucinga Ngokuzibulala?

Yintoni enokubangela umntu ajonge ukufa njengomhlobo?

INQAKU ELINGUMXHOLO

Izinto Zinokutshintsha

Nokuba iimeko zakho azitshintshi, ikho into onokuyitshintsha.

INQAKU ELINGUMXHOLO

Kuba Lukho Uncedo

Izinto ezintathu ezinokukunceda ungazibulali.

INQAKU ELINGUMXHOLO

Izizathu Zokungazibulali—Likho Ithemba

Njengokukhanya eludinini ithemba linokukwenza iingxaki obunazo uzibonele ebumnyameni.

UDLIWANO-NDLEBE

Umphandi Uchaza Ukholo Lwakhe

UFrédéric Dumoulin walwenyanya unqulo waza akakholelwa ukuba uThixo ukho. Ukufunda iBhayibhile nokuphanda ngendalo kumncede njani wakholelwa ukuba ukho uMdali?

AMAZWE NABANTU

Ukutyelela EKhambodiya

Yenzeka njani into yokuba abantu abaqalayo ukubonana babizane ngokuthi mntakwethu, dadewethu, makazi, malume, makhulu okanye tatomkhulu?

IMBONO YEBHAYIBHILE

Ubuhlanga

Ngaba zonke iintlanga ziyalingana? Buya kuze buphele ubuhlanga?

NGABA YADALWA?

Iphiko Lebhabhathane

Iphiko leBlue Morpho lisenokubonakala ligudile, kodwa linamaxolo anokubonwa kuphela ngemakroskopu. Yintoni injongo yawo?

Izinto Ezingakumbi Ezifumaneka Kwi-intanethi

Yintoni Endimele Ndiyazi Ngokuthumelelana Imiyalezo Nemifanekiso Yamanyala Ngefowuni?

Ngaba unyanzelwa ukuba uthumele iifoto zabantu abahamba ze? Iba yintoni imiphumo yokuthumelelana iifoto zabantu abahamba ze? Ngaba kukudlala nje ngothando?

Ngaba Unesithukuthezi?

Cinga ngeendlela ezintathu zokuphelisa isithukuthezi nokuzenzela abahlobo ongasoze wahlukane nabo.

Ndiza Kwenza Ntoni Xa Ndihlutshwa Ngabanye?

Uninzi lwabantu abahlupha abanye luziva lungeloncedo. Eli nqaku lichaza into enokwenziwa ukuze kulungiswe le ngxaki.

Ngumntu Onjani Umhlobo Wokwenene?

Kulula ukufumana abahlobo abangakuthandiyo kodwa ungabafumana njani aba bokwenyaniso?