I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVUKANI! OKTOBHA 2013

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

EItali

Ngo-2011 eItali kwathengwa iibhayisekile kakhulu kuneemoto. Ezinye izizathu zoku kukuxenga-xenga kwezoqoqosho nokuntinga kwamaxabiso epetroli nawokulungisa iimoto. ­Ukanti zona iibhayisekile akubizi mali ingako ukuzilungisa yaye kulula nokuzisebenzisa.

EArmenia

INkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu ifumanise ukuba urhulumente waseArmenia uye akawahlonela amalungelo abafana abangamaNgqina kaYehova abayi-17, ababebanjelwe ukwala ukufak’ isandla kwinkonzo karhulumente eyayiphantsi kwabezomkhosi. Kwafuneka urhulumente ahlawule umonakalo kunye neendleko zamagqwetha.

EJapan

Kubantwana abaye bazizisulu zokuxhatshazwa ngenxa yeewebhsayithi zokuncokola, bayi-63 pesenti abaye abalunyukiswa ngabazali ngeengozi zezi webhsayithi. Kumatyala ayi-599 okuxhatshazwa kwabantwana, i-74 pesenti yabarhanelwa yavuma ukuba eyona njongo yokusebenzisa ezi webhsayithi yayikukulala nabantwana.

ETshayina

Kwilinge lokuphelisa ukuxinana kweemoto endleleni, iidolophu ezinkulu zinciphisa ukubhaliswa kweemoto ezintsha. Ngokomzekelo, eBeijing kubhaliswa iimoto eziyi-240 000 kuphela ngonyaka. NgoAgasti 2012, kubantu abayi-1 050 000 abafaka izicelo, kwamkelwa eziyi-19 926, nto leyo ethetha ukuba kwezo zicelo kuye kwamkelwa esi-1 kweziyi-53.