I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVUKANI! SEPTEMBA 2013

 INQAKU ELINGUMXHOLO

Inyani NgeHalloween

Inyani NgeHalloween

Ngaba iyabhiyozelwa iHalloween kwindawo okuyo? EUnited States naseKhanada iHalloween yaziwa kakhulu ibe ibhiyozelwa nyaka ngamnye ngo-Oktobha 31. Ibe ke phofu, eli siko likho kwiindawo ezininzi emhlabeni. Kwezinye iindawo kukho iiholide, nangona zibizwa ngamagama ahlukeneyo kodwa uya kufumanisa ukuba zisondele kwiHalloween: ukunxibelelana kwabantu kunye nelemimoya—iziporho, oohili, amagqwirha, kwanomtyholi needemon.—Funda ibhokisi ethi  “Imibhiyozo Efana NeHalloween Eyenziwa Ehlabathini.”

MHLAWUMBI wena akukholelwa kwimimoya. Usenokucinga ukuba ukufak’ isandla kumbhiyozo weHalloween nezinye izinto kukuzonwabisa nje nokufundisa abantwana bakho. Sekunjalo, abantu abaninzi bathi le mibhiyozo ayilunganga ngenxa yezi zinto zilandelayo:

  1. IEncyclopedia of American Folklore ithi: “IHalloween ithetha ukunxibelelana kwabantu nezidalwa zomoya, ezininzi kuzo ziyoyikwa.” (Funda ibhokisi ethi  “Uluhlu Lweziganeko ZeHalloween.”) NjengeHalloween, imibhiyozo emininzi ize nabahedeni, ibe isekelwe ekunqulweni  kwezinyanya. Nanamhlanje, ehlabathini lonke abantu benza imibhiyozo efana nale ukuze banxibelelane nemimoya yabafi.

  2. Nangona bekusoloko kusithiwa iHalloween yiholide yaseMerika, nyaka ngamnye aye esanda amazwe ayibhiyozelayo. Noko ke, oovuk’ engceni kulo mbhiyozo abazi ukuba iimpawu, imihombiso kunye namasiko eHalloween amela ntoni, ibe amaninzi kuwo anento yokwenza nezidalwa ezingumoya kunye nobugqi.—Funda ibhokisi ethi  “Yayivela Phi?”

  3. Amawaka amaWiccans—abalandeli benkolo yobugqwirha—alandela izithethe zabanye abantu bamandulo baseYurophu, ababiza iHalloween ngegama lakudala elithi Samhain yaye ayijonga njengobona busuku bungcwele enyakeni. Licaphula amazwi omnye ekuthiwa ligqwirha, iphephandaba iUSA Today lathi: “AmaKristu ‘akaqondi ukuba abhiyozela iholide yethu kunye nathi. . . . Siyayithanda ke loo nto.’”

  4.   Imibhiyozo efana neHalloween ayifundiswa eBhayibhileni. IBhayibhile ilumkisa ngelithi: “Maze kungafunyanwa namnye kuwe . . . uvumisayo, noqhelisela umlingo, nohlaba izihlabo nokhafulayo, nobopha ngoomabophe, nobuza koneshologu, noyinkunkqele ekuxeleni iziganeko kwangaphambili, nobuzisa kwabafileyo.”Duteronomi 18:10, 11, funda neLevitikus 19:13; Galati 5:19-21.

Ngenxa yoku, bubulumko ukwazi imvelaphi emdaka yeHalloween neminye imibhiyozo efana nayo. Xa unokuzazi ezi zinto, unokuba ngomnye wabantu abangazibhiyozeliyo ezi holide.

Licaphula amazwi omnye ekuthiwa ligqwirha, iphephandaba iUSA Today lathi: “AmaKristu ‘akaqondi ukuba abhiyozela iholide yethu kunye nathi. . . . Siyayithanda ke loo nto.’”

^ isiqe. 37 Igama elithi Hallow ligama lakudala elithetha “ingcwele.” USuku Lwazo Zonke IiHallow (elikwabizwa ngokuba luSuku Lwazo Zonke Iingcwele) lolweholide yokuzukisa iingcwele ezafayo. Urhatya lwangaphambi koSuku Lwazo Zonke Iingcwele lalibizwa ngokuba Lurhatya Lwazo Zonke IiHallow, laza kamva kwathiwa yiHalloween.

Funda Okungakumbi

Ngaba Sifanele Sizibhiyozele Iiholide?

Ithini imvelaphi yeeholide ezininzi ezidumileyo kwindawo ohlala kuyo? Ingakothusa impendulo.