I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVUKANI! JULAYI 2013

Ingcinezelo Yayikho Kuyo Yonke Indawo

Ingcinezelo Yayikho Kuyo Yonke Indawo

NDAZALELWA kuMntla we-Ireland ngowe-1965, yintsapho engathathi-ntweni. Ndakhulela eCounty Derry ebudeni bezidubedube ezaziphakathi kwamaKatolika namaProtestanti, nezaqhubeka iminyaka engaphezu kwama-30. AmaKatolika ayetyhola amaProtestanti esithi eba iivoti, asebenzisa amapolisa ukuze awacinezele, akawaqashi yaye akawaniki izindlu.

Ingcinezelo yayikho kuyo yonke indawo. Andikwazi kuzibala izihlandlo endabethwa ngazo, ndakhutshwa emotweni ndikhonjwe ngemipu, ndancinwa ngamapolisa namajoni. Ndandiziva ndixhatshazwa, ibe ndathi, ‘Maxhalanga ndidleni!’

Ndandikhona kuqhankqalazo lowe-1972 xa kwakukhunjulwa abantu abali-14 ababedutyulwe bafa ngamajoni aseBritani, nakolunye olwalukhumbula amabanjwa awalamba de lahlanz’ iselwa kuba engavumi ukutya ngowe-1981. Ndandiphakamisa iiflegi zoMntla Ireland ezazingafunwa nokubonwa ndize ndizobe nemifanekiso enyelisa abantu baseBritani. Kwakubonakala ngathi amaKatolika ngoomabonw’ abulawe yaye kufuneka esoloko eqhankqalaza.  Imvukelo nje encinci yayiqandusela ibe ludushe olungalawulekiyo.

Xa ndandiseyunivesithi ndathelela kuqhankqalazo lwabafundi lokukhusela indalo. Kamva ndafudukela eLondon, apho ndafika ndajoyina imingcelele yamasoshiyali awayesilwa norhulumente owayebonakala exhasa oohlohl’ esakhe kodwa ecinezela amahlwempu ngo-1990. Ndandikho nakugwayimbo lwabasebenzi ababelwela imivuzo, ibe ndandikho nakuqhankqalazo olwalusithi “phantsi ngerhafu,” nolwakhokelela ekonakalisweni kweendawo ezithile kwisixeko saseLondon.

Noko ke, ekugqibeleni ndatyhafa. Ukuqhankqalaza kwakusenza sibe nenzondo kunokuba kusincede sifeze izinto esasizifuna.

Enoba anganentliziyo entle kangakanani, umntu akanawo amandla okuphelisa ububi

Kungelo xesha kanye apho umhlobo wam wandidibanisa namaNgqina kaYehova. Andifundisa ukuba iBhayibhile ithi uThixo uyakubona konke ukuxhwaleka kwethu ibe uza kukuphelisa. (Isaya 65:17; ISityhilelo 21:3, 4) Enoba abantu bangazama kangakanani, abakwazi kuzisa ubulungisa emhlabeni. Asidingi ukhokelo lukaThixo nje kuphela ukuze sikwazi ukulwa nabona nobangela beengxaki zoluntu, kodwa sidinga namandla akhe.Yeremiya 10:23; Efese 6:12.

Ngoku ukuqhankqalazela ingcinezelo ndikufanisa nje nokuthwal’ amazinki kugqutha. Kundithuthuzela gqitha ukwazi ukuba kungekudala iza kuphela yonke ingcinezelo yaye bonke abantu baza kulingana.

IBhayibhile ithi uYehova uThixo “ngumthandi wokusesikweni.” (INdumiso 37:28) Esi sesinye sezizathu ezisenza siqiniseke ukuba uza kuphelisa yonke ingcinezelo, nto leyo engenakwenziwa ngoorhulumente babantu. (Daniyeli 2:44) Ukuba ungathanda ukwazi okungakumbi, dibana namaNgqina kaYehova endawo ohlala kuyo okanye ungene kwiWebhsayithi yethu ethi  .

 

Funda Okungakumbi

Kutheni UThixo Evumela Ubungendawo Nokubandezeleka?

Baqala njani ubungendawo yaye kutheni uThixo ebuyeke baqhubeka bukho? Ngaba kuya kuze kuphele ukubandezeleka?

Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile?

IBhayibhile inceda abantu abaninzi emhlabeni wonke ukuba bafumane iimpendulo zemibuzo abanayo ngobomi. Ungathanda ukuba ngomnye wabo?