I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVUKANI! JUNI 2013

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

EHLABATHINI

IWorld Health Organization ithi ukuphefumla umsi wedizili “kunokubangela umhlaza wemiphunga,” kwaye kungade kubangele nomhlaza wesinyi.

E-Antarctica

Kufunyenwe ubungqina bokuba mandulo, kwiAntarctic kwakha kwakhula imithi yesundu neminye imithi ekhula kwiindawo ezingaselunxwemeni. Abantu abaninzi bakholelwa ukuba kwizigidi zeminyaka eyadlulayo, ubusika base-Antartica babungabandi kangako yaye “kwakungabikho qabaka,” ibe amaqondo obushushu akwincam ekumntla nekumzantsi ayengohlukanga kangako kulawo akwi-ikhweyitha.

E-Ireland

Ingxelo epapashwe ngo-2012 nguMbutho Wabefundisi BamaKatolika Ase-Ireland ibonisa ukuba kumaKatolika ekuye kwathethwa nawo kweli lizwe, i-87 pesenti ithi abefundisi bamele bavunyelwe batshate; i-77 pesenti yona ikholelwa ukuba amabhinqa amele avunyelwe abe ngabefundisi.

Kwi-Afrika EkuMazantsi ESahara NakuMzantsi-Mpuma Asia

Uhlolisiso oluye lwenziwa kumayeza okulwa nesifo seengcongconi lufumanise ukuba kwezinye iindawo kusetyenziswa amayeza akumgangatho ophantsi okanye awomgunyathi, nto leyo ebangela ukuba abezempilo bangakwazi ukunyanga esi sifo. I-36 pesenti yamayeza ahlolwe kuMzantsi-mpuma Asia kufunyaniswe ukuba ngawomgunyathi, ngoxa iyi-20 pesenti kwiAfrika ekumazantsi eSahara.

E-El Salvador

NgoAprili 2012, amagosa karhulumente enza isaziso sokuba kuyaqala ukudlula usuku kungakhange kubulawe mntu kwelo, phantse kwiminyaka emithathu. Ngenxa yogonyamelo olubangelwa ziziyobisi, ngonyaka wama-2011, kweli lizwe kwabulawa umyinge wabantu abangama-69 kwabangama-100000—elinye lawona manani aphezulu okubulawa kwabantu emhlabeni.