Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVukani!  |  Aprili 2013

 AMAZWE NABANTU

Ukutyelela EIndonesia

Ukutyelela EIndonesia

I-INDONESIA yakhiwa ziziqithi ezimalunga nama-17,000. Abantu bakhona baziwa ngokuba nobubele, umonde nembeko.

Abantu base-Indonesia bayakuthanda ukutya irayisi, ukutya okuqhwethayo neziqhamo. Kwezinye iindawo iintsapho zidla ngokuhlala bhaxa phantsi xa zisitya yaye zitya ngezandla. Abantu abaninzi base-Indonesia bathi ukutya kuba nencasa xa bekutya ngale ndlela.

Isiqhamo ekuthiwa yiDurian sithambe kamnandi ngaphakathi yaye siyathandwa ngabaninzi nangona sinevumba elibi

Abantu beli lizwe bayazithanda ezobugcisa, ukudanisa nomculo. Bade babe naso nesixhobo somculo ekuthiwa yi-anklong; esi sixhobo senziwa ngemibhobho emibini yoqalo. Xa le mibhobho ishukunyiswa, ikhupha isandi esimyoli. Ukuze kudlalwe uncuthu lwengoma, kufuneka kubekho abantu abaliqela aze ngamnye adlale eyakhe i-anklong.

Isilwanyana ekuthiwa yi-orangutan—esixhaphakileyo kumahlathi aseSumatra nase-Borneo—sesona silwanyana sikhulu emhlabeni kwezihlala emithini. Xa ikhule yagqiba, inkunzi inokuba ziikhilogram ezingama-90.7 ize ibe neengalo eziziimitha ezi-2.4.

Kweli lizwe bekusoloko kugquba ubuHindu nobuBhuda de kwaba yinkulungwane ye-15 yeXesha Eliqhelekileyo. Ngenkulungwane ye-16 amaSilamsi aba nefuthe kubantu balapho. Abantu baseYurophu bafika ngenkulungwane ye-16 beze kufuna iziqholo zokutya, baza bafika neecawa zeNgqobhoko.

 AmaNgqina kaYehova afundisa abantu iBhayibhile yaye ebekho eIndonesia ukususela ngowe-1931. Sithethanje, kukho amaNgqina angaphezu kwama-22,000 e-Indonesia yaye azama kangangoko ukushumayela kubantu abazizithulu. Kutshanje, abantu abangaphezu kwama-500 baye beza kwinkonzo yamaNgqina kaYehova yentetho yezandla, apho bekukhunjulwa ukufa kukaYesu Kristu.

UVukani! upapashwa ngeelwimi ezingama-98, kuquka nesi-Indonesia (esikwabizwa nangokuba sisiBahasa sase-Indonesia)