I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Zekariya 9:1-17

9  Isibhengezo:+ “Ilizwi likaYehova lichasene nelizwe laseHadraki, naseDamasko+ liyahlala; kuba iliso likaYehova lisemntwini wasemhlabeni+ nakuzo zonke izizwe zakwaSirayeli.  NeHamati+ iya kuba ngumda wayo; iTire+ neSidon,+ kuba ilumke kakhulu.+  ITire yazakhela ungqameko, yazifumbela isilivere njengothuli negolide njengodaka olusezitratweni.+  Khangela! UYehova uya kuyihlutha, yaye ngokuqinisekileyo umkhosi wayo wamajoni uya kuwuxabela elwandle;+ yona iya kuqwengwa ngumlilo.+  IAshkelon iya kubona ize yoyike; yona ke iGaza, iya kuva iintlungu eziqatha; ne-Ekron,+ ngenxa yokuba ithemba ekhangele+ kulo liya kudana. Nokumkani ngokuqinisekileyo uya kutshabalala eGaza, neAshkelon ayiyi kumiwa.+  EAshdode+ okunene kuya kuhlala unyana ongumgqakhwe,+ yaye ngokuqinisekileyo ndiya kulinqumla iqhayiya lomFilisti.+  Ndiza kuzishenxisa izinto zakhe ezidyojwe ligazi emlonyeni wakhe nezinto ezilizothe phakathi kwamazinyo akhe,+ yaye yena ngokuqinisekileyo uya kusalela uThixo wethu; kwaye umele abe yinkosana+ kwaYuda,+ ne-Ekron ibe njengomYebhusi.+  Ndiza kumisa inkampu ngasendlwini yam,+ ukuze kungabikho bani udlulayo nobuyayo; kungabi sadlula induna kubo,+ kuba ngoku ndikubonile oku ngamehlo am.+  “Vuya kakhulu, wena ntombi yaseZiyon.+ Duma ngoloyiso,+ wena ntombi yaseYerusalem. Khangela! Ukumkani wakho+ uza kuwe.+ Ulilungisa, ewe, usindisiwe;+ uthobekile,+ yaye ukhwele e-esileni, sona kanye isilwanyana esikhule ngokupheleleyo esizalwa yimazi ye-esile.+ 10  Ngokuqinisekileyo ndiya kuyinqumla inqwelo yokulwa kwaEfrayim nehashe eYerusalem.+ Nesaphetha sedabi+ simele sinqunyulwe. Okunene uya kuthetha uxolo ezintlangeni;+ nolawulo lwakhe luya kususela elwandle luse elwandle, lususele kuwo uMlambo luse kwiziphelo zomhlaba.+ 11  “Wena, mfazindini, ngegazi lomnqophiso wakho+ ndiza kuthumela amabanjwa akho+ ndiwakhupha emhadini ekungekho manzi kuwo. 12  “Buyelani kwigwiba,+ nina mabanjwa anethemba.+ “Namhlanje ndiyanixelela ukuthi, ‘Ndiza kukubuyekeza, mfazindini, ngokuphindiweyo.+ 13  Kuba ndiza kumgoba uYuda njengesaphetha sam. Isaphetha ndiza kusizalisa ngoEfrayim, kwaye ndiza kubavusa oonyana bakho,+ Ziyon, nxamnye noonyana bakho, Grisi,+ yaye ndiza kukwenza ikrele lendoda enamandla.’+ 14  UYehova uya kubonakala phezu kwabo,+ notolo lwakhe ngokuqinisekileyo luya kuphuma kanye njengombane.+ INkosi enguMongami uYehova iya kuvuthela isigodlo,+ kwaye ngokuqinisekileyo iya kuphuma ngezaqhwithi zomoya wasemzantsi.+ 15  UYehova wemikhosi uya kubakhusela, yaye okunene baya kuqwenga+ baze boyise amatye okusawula. Ngokuqinisekileyo baya kusela+—baxokozele—ngokungathi bekukho iwayini; okunene baya kuzala njengesitya, njengeembombo zesibingelelo.+ 16  “Ngokuqinisekileyo uYehova uThixo wabo uya kubasindisa+ ngaloo mini njengomhlambi wabantu bakhe;+ kuba baya kuba njengamatye esithsaba amenyezelayo phezu komhlaba wakhe.+ 17  Kuba hayi indlela okukhulu ngayo ukulunga kwakhe,+ yaye hayi indlela ayinzwana ngayo!+ Ukudla okuziinkozo kuya kubenza bachume abafana, newayini entsha ichumise iintombi ezinyulu.”+

Umbhalo osemazantsi