I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Zekariya 7:1-14

7  Ngapha koko, kwathi ngonyaka wesine kaDariyo+ ukumkani ilizwi likaYehova lafika kuZekariya, ngomhla wesine kwinyanga yesithoba, oko kukuthi, enguKislevu.+  IBheteli ke yathuma uSharezere noRegem-meleki namadoda abo ukuya kubongoza+ uYehova,  bathethe kubabingeleli+ bendlu kaYehova wemikhosi, nakubo abaprofeti, batsho nokuthi: “Ndilile na ngenyanga yesihlanu,+ ndizile na, ngendlela endenze ngayo le minyaka mininzi kangaka na?”+  Laqhubeka lifika ilizwi likaYehova wemikhosi kum, lisithi:  “Thetha kubo bonke abantu belizwe nakubo ababingeleli uthi, ‘Ekuzileni kwenu ukutya+ nasekulileni ngenyanga yesihlanu nangenyanga yesixhenxe,+ le minyaka ingamashumi asixhenxe,+ ngaba ngokwenene nanizilela mna na, mna kanye na?+  Xa benisidla naxa benisela, bekungadli nina na, bekungaseli nina na?  Anifanele nithobele amazwi+ uYehova awawamemeza ngabaprofeti bangaphambili na,+ ngoxa iYerusalem yayisenabemi, yaye ihleli ngokukhululeka, nezixeko zayo macala onke, nangoxa iNegebhi+ neShefela+ zazisenabemi na?’”  Laqhubeka lifika ilizwi likaYehova kuZekariya, lisithi:  “Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, ‘Gwebani ngokusesikweni;+ nize nibe nobubele bothando+ nenceba omnye nomnye;+ 10  ningaqhathi mhlolokazi+ okanye inkwenkwe engenayise,+ namphambukeli+ okanye oxhwalekileyo,+ ningacebi nto imbi elowo nxamnye nomnye ezintliziyweni zenu.’+ 11  Kodwa babesala ukunikela ingqalelo,+ baba neenkani,+ neendlebe zabo bazenza zathi nkqi azeva.+ 12  Nentliziyo yabo+ bayenza ilitye elilukhuni ukuze bangawuthobeli umthetho+ namazwi uYehova wemikhosi awawathumela ngomoya wakhe,+ ngabaprofeti bangaphambili;+ kangangokuba wacaphuka kakhulu uYehova wemikhosi.”+ 13  “‘Kuya kuthi ke, kanye njengoko wayebizile baza abaphulaphula,+ nabo babize ndize mna ndingaphulaphuli,’+ utsho uYehova wemikhosi. 14  ‘Ndaza ngesivuthuvuthu ndabaphosa phakathi kwazo zonke iintlanga+ ababengazazi;+ nelizwe lishiywe liphanzile emva kwabo, akukho bani udlulayo kulo, kungekho nabani ubuyela kulo;+ kwaye ilizwe elinqwenelekayo+ balenza into yokukhwankqiswa.’”

Umbhalo osemazantsi