Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Zek 6:1-15

6  Ndandula ke ndawaphakamisa kwakhona amehlo am ndaza ndabona; yaye, khangela! kwavela iinqwelo ezine phakathi kweentaba ezimbini, iintaba ezo yayiziintaba zobhedu.  Enqwelweni yokuqala ibingamahashe abomvu;+ nasenqwelweni yesibini, ingamahashe amnyama.+  Nasenqwelweni yesithathu ingamahashe amhlophe;+ nasenqwelweni yesine, ingamahashe anamachokoza, emibala-bala.+  Ndaphendula ndaza ndathi kwingelosi eyayithetha nam: “Zintoni na ezi, nkosi yam?”+  Ngoko ingelosi yaphendula yaza yathi kum: “Aba ngoomoya abane+ bamazulu abaphumayo+ emva kokuma kwabo endaweni yabo phambi kweNkosi+ yomhlaba uphela.+  Yona ke leyo inamahashe amnyama, aphuma aye kwilizwe lasemntla;+ wona ke lawo amhlophe, amele aye emva kolwandle; lawo ke anamachokoza, amele aye kwilizwe lasemzantsi.+  Wona ke lawo amibala-bala,+ amele aphume aze aqhubeke efuna indawo amakaye kuyo, ukuze ahambahambe emhlabeni.”+ Yandula ke yathi: “Yiyani, nihambahambe emhlabeni.” Kwaye ahambahamba emhlabeni.  Yadanduluka kum yaza yathetha kum, isithi: “Khawubone, lawo aphuma aye kwilizwe lasemntla ngalawo abangele ukuba umoya+ kaYehova uhlale kwilizwe lasemntla.”+  Nelizwi likaYehova laqhubeka lifika kum, lisithi: 10  “Makuthatyathwe okuthile ebantwini abathinjiweyo,+ kuHeldayi nakuTobhiya nakuYedaya; umele uze ke ngaloo mini, yaye umele ungene endlwini kaYosiya unyana kaZefaniya+ kunye naba bavela eBhabhiloni. 11  Uze ke uthabathe isilivere negolide wenze isithsaba esizukileyo+ uze usibeke entlokweni kaYoshuwa+ unyana kaYehotsadaki umbingeleli omkhulu. 12  Uze uthi ke kuye, “‘Utsho uYehova wemikhosi ukuthi: “Nantsi indoda+ egama layo linguHlumelo.+ Kwaye uya kuhluma endaweni yakhe, ibe ngokuqinisekileyo uya kuyakha itempile kaYehova.+ 13  Uya kuyakha itempile kaYehova, yaye yena uya kusithwala isidima;+ ibe umele ahlale phantsi aze alawule etroneni yakhe,+ umele abe ngumbingelei etroneni yakhe, lona kanye icebo loxolo+ liya kuba phakathi kwabo bobabini. 14  Isithsaba esizukileyo siya kuba sesikaHelem noTobhiya noYedaya+ noHen unyana kaZefaniya njengesikhumbuzo+ etempileni kaYehova.+ 15  Yaye abo bakude baya kuza baze okunene bayakhe itempile kaYehova.” Kuya kufuneka ke nina nazi ukuba uYehova wemikhosi undithumile kuni.+ Kumele ke kwenzeke—ukuba nakanjani na nithe naliphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wenu.’”+

Umbhalo osemazantsi