I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Zekariya 5:1-11

5  Ndandula ke ndawaphakamisa amehlo am kwakhona ndaza ndabona; yaye, khangela! umsongo uyaphaphazela.+  Ngoko yathi kum: “Ubona ntoni na?”+ Ndathi ke mna: “Ndibona umsongo ophaphazelayo, ubude bawo ziikubhite ezingamashumi amabini, nobubanzi bawo iziikubhite ezilishumi.”  Yandula ke yathi kum: “Siso esi isiqalekiso esiphuma siye phezu komhlaba wonke,+ ngenxa yokuba wonk’ ubani obayo,+ ngokutsho kwawo kweli cala, uye akohlwaywa; naye wonk’ ubani owenza isifungo esinzulu,+ ngokutsho kwawo kweliya icala,+ uye akohlwaywa.  ‘Ukhutshwe ndim,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘yaye umele ungene endlwini yesela nasendlwini yalowo wenza isifungo esinzulu egameni lam exoka;+ kwaye umele uhlale phakathi endlwini yakhe uze uyitshabalalise yona namaplanga ayo namatye ayo.’”+  Yandula ke ingelosi eyayithetha nam yaphuma yaza yathi kum: “Khawuncede, uphakamise amehlo akho, ubone ukuba yintoni na le iphumayo.”   Ndathi ke: “Yintoni na?” Yathi yona: “Lo ngumlinganiselo we-efa ephumayo.” Yaza yahlabela mgama yathi: “Yiyo le inkangeleko yabo emhlabeni wonke.”  Kwaye, khangela! isiciko selothe esisisazinge saphakanyiswa; kuhleli mfazi uthile phakathi kwe-efa leyo.  Ngoko yathi: “BuBungendawo obu.” Yamphosa ke phakathi kwe-efa leyo,+ emva koko yaphosa ubunzima belothe emlonyeni wayo.  Ngoko ndaphakamisa amehlo am ndaza ndabona, yaye kwaphuma abafazi ababini, emaphikweni abo kukho umoya. Babenamaphiko anjengeempiko zengwamza. Bayiphakamisa iefa phakathi komhlaba namazulu. 10  Ngoko ndathi kwingelosi eyayithetha nam: “Bayisa phi na iefa leyo?” 11  Yona yathi kum: “Ukuze bamakhele+ indlu kwilizwe laseShinare;+ yaye imele imiselwe ngokuqinileyo, kwaye umele abekwe apho kwindawo yakhe efanelekileyo.”

Umbhalo osemazantsi