I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Zekariya 4:1-14

4  Yabuya ke ingelosi eyayithetha nam yaza yandivusa, njengomntu ovuswa ebuthongweni.+  Yandula ke yathi kum: “Ubona ntoni na?”+ Ndathi ke: “Ndiye ndabona, yaye, khangela! isiphatho sezibane, sonke siyigolide,+ sinesitya phezu kwaso. Nezibane zaso ezisixhenxe zikuso, zisixhenxe;+ kwaye izibane eziphezu kwaso zinemibhobho esixhenxe.  Yaye ecaleni kwaso kukho iminquma emibini,+ omnye ungasekunene kwesitya omnye ungasekhohlo.”  Ngoko ndaphendula ndaza ndatsho kwingelosi eyayithetha nam, ukuthi: “Zithetha ntoni na ezi zinto, nkosi yam?”+  Ngoko ingelosi eyayithetha nam yaphendula yaza yathi kum: “Ngaba ngokwenene akwazi na ukuba zithetha ntoni ezi zinto?” Nam ke ndathi: “Hayi, nkosi yam.”+  Ngako oko yaphendula yaza yathi kum: “Lilo eli ilizwi likaYehova kuZerubhabheli, lisithi, ‘“Akungamkhosi wamajoni,+ kungengamandla,+ kodwa kungomoya wam,”+ utsho uYehova wemikhosi.  Ungubani na wena, ntabandini inkulu?+ Phambi koZerubhabheli+ uya kuba ngumhlaba othe tyaba. Yaye ngokuqinisekileyo uya kuvelisa ilitye eliyintloko.+ Kuya kukhwazwa kulo+ kuthiwe: “Hayi indlela elinomtsalane ngayo! Hayi indlela elinomtsalane ngayo!”’”+  Laqhubeka lifika kum ilizwi likaYehova, lisithi:  “Zona kanye izandla zikaZerubhabheli zibeke isiseko sale ndlu,+ yaye izandla zakhe ziya kuyigqiba.+ Kuya kufuneka ke wazi ukuba uYehova wemikhosi undithumile kuni.+ 10  Kuba ngubani na oyideleleyo imini yezinto ezincinane?+ Kwaye ngokuqinisekileyo baya kuba nemihlali+ baze bayibone ilothe yokulinganisa esandleni sikaZerubhabheli. Ezi zisixhenxe ngamehlo kaYehova.+ Asingasinga emhlabeni wonke.”+ 11  Ndaphendula ke ndaza ndathi kuyo: “Ithetha ntoni na le minquma mibini kwicala lasekunene lesiphatho sezibane nakwicala laso elingasekhohlo?”+ 12  Ndaphendula ke isihlandlo sesibini ndaza ndathi kuyo: “Zithetha ntoni na ezi nyanda zimbini zamasetyana eminquma ezo, ngemibhobho emibini yegolide, zithulula ngaphakathi kwazo ulwelo lwegolide?” 13  Ngoko yathi kum: “Ngaba ngokwenene akwazi na ukuba zithetha ntoni ezi zinto?” Ndaza ke mna ndathi: “Hayi, nkosi yam.”+ 14  Ngako oko yathi: “Aba ngababini abathanjisiweyo+ abema ecaleni kweNkosi yomhlaba uphela.”+

Umbhalo osemazantsi