I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Zekariya 3:1-10

3  Wandibonisa uYoshuwa+ umbingeleli omkhulu emi phambi kwengelosi kaYehova, noSathana+ emi ngasekunene kwakhe ukuze amchase.+  Yandula ke [ingelosi+] kaYehova yathi kuSathana: “UYehova uyakukhalimela,+ wena Sathana, ewe, uYehova uyakukhalimela, lowo ukhetha iYerusalem!+ Lo akasosikhuni esixhwilwe emlilweni na?”+  Ke kaloku uYoshuwa lo, wayembethe izambatho ezingcolileyo+ kwaye eme phambi kwengelosi.  Ngoko yaphendula yaza yathi kwabo babemi phambi kwakhe: “Zishenxiseni izambatho ezingcolileyo kuye.” Yaza yahlabela mgama yathi kuye: “Yabona, ndisidlulisile kuwe isiphoso sakho,+ ndakwambesa ngemiwunduzo yobuhandiba.”+  Ndathi ke mna: “Mabambeke unkontsho oluhlambulukileyo entloko.”+ Kwaye bambeka unkontsho oluhlambulukileyo baza bamambesa ngezambatho; yaye ingelosi kaYehova yayimi bucala.  Ingelosi kaYehova yanikela ubungqina kuYoshuwa, isithi:  “Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, ‘Ukuba uya kuhamba ezindleleni zam, kwaye ukuba uya kuyigcina imfanelo yam,+ ngoko iya kuba nguwe oya kuba ngumgwebi endlwini yam+ nogcina iintendelezo zam; yaye ngokuqinisekileyo ndiya kukunika ukufikelela ngokukhululekileyo phakathi kwabo bemi bucala.’  “‘Khawuncede, uve, Yoshuwa mbingeleli omkhulu, wena namaqabane akho ahlala phambi kwakho, kuba angabantu abanjengemihlola;+ kuba yabona, ndizisa umkhonzi wam+ uHlumelo!+  Kuba, khangela! ilitye+ endilibeke phambi koYoshuwa! Phezu kwelitye kukho amehlo asixhenxe.+ Yabona, ndikrola ukrolo lwalo,’+ utsho uYehova wemikhosi, ‘yaye ndiza kusisusa isiphoso selizwe ngamini-nye.’+ 10  “‘Ngaloo mini,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘niya kubiza, ngamnye komnye, ngoxa niphantsi komdiliya nangoxa niphantsi komkhiwane.’”+

Umbhalo osemazantsi