I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Zekariya 13:1-9

13  “Ngaloo mini+ kuya kubakho iqula+ elivulelwe indlu kaDavide nabemi baseYerusalem ngenxa yesono+ nangenxa yento eyenyanyekayo.+  “Kuya kuthi ke ngaloo mini,” utsho uYehova wemikhosi, “ndiwanqumle amagama ezithixo elizweni,+ zingabi sakhunjulwa kwakhona; kwanabaprofeti+ nomoya wokungcola ndiya kuwudlulisa ungabikho elizweni.+  Kuya kuthi ukuba kunokwenzeka kwakhona umntu aprofete, uyise nonina, abo bamzalayo, bathi kuye, ‘Akuyi kuphila, ngenxa yokuba uthethe ubuxoki egameni likaYehova.’ Kwaye uyise nonina, abo bamzalayo, bamele bamhlabe ngenxa yokuprofeta kwakhe.+  “Kuya kuthi ngaloo mini abaprofeti babe neentloni,+ ngamnye ngombono wakhe xa eprofeta; yaye abayi kunxiba mnweba woboya+ ngenjongo yokukhohlisa.  Ngokuqinisekileyo uya kuthi, ‘Andingomprofeti. Ndingumntu olima umhlaba, ngenxa yokuba wandizuza umntu wasemhlabeni ukususela ebutsheni kuse phambili.’  Ubani umele athi kuye, ‘Ayintoni na la manxeba asezandleni zakho?’ Kuya kufuneka ke athi, ‘Ngalawo ndabethwa wona endlwini yabo ndibathanda kakhulu.’”  “Krelendini, vuka nxamnye nomalusi wam,+ nxamnye nendoda eyomeleleyo esisinxulumani sam,”+ utsho uYehova wemikhosi. “Xabela umalusi,+ uze uchithachitheke umhlambi;+ yaye ngokuqinisekileyo isandla sam ndiya kusibuyisela kwezo zingabalulekanga.”+  “Kuya kuthi kulo lonke ilizwe,” utsho uYehova, “iinxalenye ezimbini kulo zinqunyulwe zize zibhubhe;+ ke yona inxalenye yesithathu, iya kusala kulo.+  Ngokuqinisekileyo ndiya kuyizisa emlilweni inxalenye yesithathu;+ okunene ndiya kusulungekisa njengokusulungekiswa kwesilivere,+ ndibahlolisise njengokuhlolisiswa kwegolide.+ Yona iya kubiza egameni lam, nam ke ndiza kuyiphendula.+ Ndiza kuthi, ‘Ingabantu bam,’+ nayo ke, iya kuthi, ‘UYehova nguThixo wam.’”+

Umbhalo osemazantsi