Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Zek 11:1-17

11  “Vula iingcango zakho, wena Lebhanon,+ ukuze umlilo uqwenge phakathi kwemisedare yakho.+  Bhomboloza, wena mjunipha, kuba umsedare uwile; ngenxa yokuba iingangamsha ziphangiwe!+ Bhombolozani, nina mithi exandileyo yaseBhashan, kuba ihlathi elingangenekiyo liwile!+  Phulaphulani! Ukubhomboloza kwabalusi,+ kuba ubungangamsha babo buphangiwe.+ Phulaphulani! Ukugquma kweengonyama ezintsha ezinesingci, kuba iintshinyela ezishinyeneyo ezingaseYordan ziphangiwe.+  “Utsho uYehova uThixo wam ukuthi, ‘Yalusa umhlambi wezibulawayo,+  obathengi bawo bawubulalayo+ nangona bengazange bagqalwe benetyala.+ Nabo bawuthengisayo+ bathi: “Ngamana angabongwa uYehova, ngoxa ndiya kuzuza ubutyebi.”+ Nabalusi bawo ababonisi mfesane kuwo.’+  “Kuba andiyi kuba sabonisa mfesane kubemi belizwe,’+ utsho uYehova. ‘Ngoko yabona, ndiyalunikela uluntu, ngamnye esandleni seqabane+ lakhe nasesandleni sokumkani wakhe;+ kwaye ngokuqinisekileyo baya kulityumza ilizwe, yaye andiyi kuhlangula esandleni sabo.’”+  Ndawalusa ke umhlambi+ wezibulawayo,+ ngenxa yenu, nina baxhwalekileyo bomhlambi.+ Ngoko ndazithabathela imisimelelo emibini.+ Omnye ndawubiza ngokuba nguThandeka,+ omnye ke ndawubiza ngokuba nguManyano,+ ndaza ndaya kwalusa umhlambi.  Ekugqibeleni ndabatshayela abalusi abathathu ngenyanga enye,+ njengoko umphefumlo wam waphelelwa ngumonde kubo,+ nam ndanezothe emphefumlweni wabo.  Ekugqibeleni ndathi: “Andiyi kuqhubeka ndinalusa.+ Ofayo, makafe. Otshayelwayo, makatshayelwe.+ Abo ke baseleyo, mabaqwenge, ngamnye inyama yeqabane lakhe.”+ 10  Ngoko ndathabatha umsimelelo wam onguThandeka+ ndaza ndawaphula,+ ukuze ndiwaphule umnqophiso wam endandiwenze nazo zonke izizwana.+ 11  Waphulwa ke ngaloo mini, yaye abaxhwalekileyo bomhlambi+ owawundibukele+ bazi ngale ndlela ukuba yayililizwi likaYehova. 12  Ndandula ke ndathi kuwo: “Ukuba kulungile emehlweni enu,+ ndinikeni umvuzo wam; kodwa ukuba akunjalo, yekani.” Yaye wandihlawula umvuzo wam, amaqhosha esilivere angamashumi amathathu.+ 13  UYehova wathi kum: “Waphose kwindawo yokugcina ubuncwane+—ixabiso elikhulu endixatyiswe lona ngokwembono yabo.”+ Ngako oko ndawathabatha amaqhosha esilivere angamashumi amathathu ndaza ndawaphosa kwindawo yokugcina ubuncwane endlwini kaYehova.+ 14  Ndandula ke ndawaphula umsimelelo wam wesibini, uManyano,+ ukuze ndaphule ubuzalwana+ phakathi koYuda noSirayeli.+ 15  UYehova wahlabela mgama wathi kum: “Zithabathele izixhobo zomalusi ongeloncedo nganto.+ 16  Kuba yabona, ndivusa umalusi elizweni.+ Akayi kunikela ngqalelo kwizimvu ezitshayelwayo.+ Itakane akayi kulifuna, engayi kuziphilisa nezimvu ezaphukileyo.+ Nemileyo akayi kuyibonelela ngokutya,+ nenyama yetyebileyo uya kuyidla, izimvu ezo uya kuziqhawula iimpuphu.+ 17  Yeha ke umalusi wam ongenaxabiso,+ owushiyayo umhlambi!+ Ikrele liya kuba sengalweni yakhe nakwiliso lakhe lasekunene. Nakanjani na ingalo yakhe iya koma,+ neliso lakhe lasekunene nakanjani na liya kuba norhatyazo.”

Umbhalo osemazantsi