I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Zekariya 10:1-12

10  “Celani imvula+ kuYehova ngexesha lemvula yasentwasahlobo,+ kuYehova kanye owenza amafu esiphango,+ nobanika imvula,+ ngamnye utyani emhlabeni wakhe.+  Kuba imilonde-khaya+ ithethe okungaqhelekanga; nabo bavumisayo babone ubuxoki,+ bathetha amaphupha angenaxabiso, bathuthuzelela ilize.+ Kungenxa yoko le nto ngokuqinisekileyo beya kumka njengomhlambi;+ baya kuxhwaleka, ngenxa yokuba akukho malusi.+  “Umsindo wam uvuthile kubalusi,+ neenkokeli ezinjengeebhokhwe+ ndiya kuziphendulisa;+ kuba uYehova wemikhosi uphethulele ingqalelo yakhe emhlambini wakhe,+ kwindlu kaYuda, ubenze banjengehashe+ lakhe lesidima edabini.  Indoda eyintloko iphuma kuye,+ umlawuli oxhasayo uphuma kuye,+ isaphetha sedabi siphuma kuye;+ iinduna ziphuma kuye,+ xa zizonke.  Kwaye bamele babe njengamadoda anamandla+ anyathela eludakeni kwizitrato zedabi.+ Bamele babandakanyeke edabini, kuba uYehova unabo;+ nabakhweli bamahashe kuya kufuneka badane.+  Ndiza kuyenza eyongamileyo indlu kaYuda, nendlu kaYosefu ndiya kuyisindisa.+ Ndiza kubahlalisa, kuba ndiza kubenzela inceba;+ bamele babe njengabo ndingazange ndibalahle;+ kuba ndinguYehova uThixo wabo, kwaye ndiya kubaphendula.+  Abo bakwaEfrayim bamele babe njengendoda enamandla,+ nentliziyo yabo imele ibe nemihlali ngokungathi kungewayini.+ Noonyana babo baya kubona baze ngokuqinisekileyo bagcobe;+ intliziyo yabo iya kuvuya kuYehova.+  “‘Ndiza kubabethela umlozi+ ndize ndibaqokelele ndawonye; kuba ngokuqinisekileyo ndiya kubakhulula,+ yaye bamele babe baninzi, kanye njengabo baye baba baninzi.+  Ndiya kubachithachitha njengembewu phakathi kwezizwana,+ nakwiindawo ezikude baya kundikhumbula;+ kwaye bamele baphile kunye noonyana babo baze babuye.+ 10  Ndimele ndibabuyise elizweni laseYiputa;+ naseAsiriya ndiya kubaqokelela ndawonye;+ ndiya kubazisa kwilizwe laseGiliyadi+ neLebhanon, yaye abayi kufunyanelwa ndawo.+ 11  Umele adlule elwandle ngokubandezeleka;+ naselwandle umele abethe amaza,+ nazo zonke iinzulu zomNayile zimele zome.+ Neqhayiya laseAsiriya limele lehliswe,+ nayo kanye intonga yobukhosi+ yaseYiputa iya kumka.+ 12  Ndiza kubenza abongamileyo kuYehova,+ baya kuhambahamba egameni lakhe,’+ utsho uYehova.”

Umbhalo osemazantsi