I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Zekariya 1:1-21

1  Ngenyanga yesibhozo ngonyaka wesibini kaDariyo+ ilizwi likaYehova lafika kuZekariya+ unyana kaBherekiya unyana kaIdo+ umprofeti, lisithi:  “UYehova wacaphuka ngenxa yooyihlo—kakhulu.+  “Uze uthi kubo, ‘Utsho uYehova wemikhosi ukuthi: “‘Buyelani kum,’+ utsho uYehova wemikhosi, ‘nam ndiya kubuyela kuni,’+ utsho uYehova wemikhosi.”’  “‘Musani ukuba njengooyihlo+ abamemezayo kubaprofeti bangaphambili,+ besithi: “Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, ‘Khanincede, nibuye ezindleleni zenu ezimbi nakwizenzo zenu ezibi.’”’+ “‘Kodwa abazange baphulaphule, yaye abazange banikele ngqalelo kum,’+ utsho uYehova.  “‘Bona ke ooyihlo, baphi na?+ Yaye bona ke abaprofeti abo,+ ngaba baqhubeka bephila ukusa kwixesha elingenammiselo?  Noko ke, ngokubhekisele kumazwi am nemimiselo yam endayiyalela abakhonzi bam, abaprofeti,+ ayizange ibafumane na ooyihlo?’+ Ngoko babuya baza bathi: ‘Kanye njengoko uYehova wemikhosi wayecinge ukwenza kuthi,+ wenze kuthi ngokweendlela zethu nangokwezenzo zethu.’”+  Ngomhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yeshumi elinanye, oko kukuthi, inyanga enguShebhati, ngonyaka wesibini kaDariyo,+ ilizwi likaYehova lafika kuZekariya+ unyana kaBherekiya unyana kaIdo+ umprofeti, lisithi:  “Ndabona ebusuku, yaye, khangela! indoda+ ikhwele ihashe elibomvu,+ yaye yayimi ngxi phakathi kwemithi yommirtile+ eyayikwindawo enzulu; kwaye emva kwayo kwakukho amahashe abomvu, abomvu ngokuqaqambileyo, namhlophe.”+  Ngoko ke ndathi: “Ngoobani na aba, nkosi yam?”+ Yathi ke kum+ ingelosi eyayithetha nam: “Mna ndiya kukubonisa ukuba ngoobani na aba.” 10  Ngoko indoda eyayimi ngxi phakathi kwemithi yommirtile yaphendula yaza yathi: “Aba ngabo bathunywe nguYehova ukuba bahambahambe emhlabeni.”+ 11  Kwaye bayiphendula ingelosi kaYehova eyayimi ngxi phakathi kwemithi yommirtile baza bathi: “Sihambahambile emhlabeni,+ yaye, khangela! umhlaba uphela uzolile kwaye awunasiphazamiso.”+ 12  Ngoko yaphendula ingelosi kaYehova yaza yathi: “Owu Yehova wemikhosi, kuya kude kube nini na ungayenzeli nceba iYerusalem nezixeko zakwaYuda,+ ezo uziqalekisileyo le minyaka imashumi asixhenxe?”+ 13  Wayiphendula uYehova ingelosi eyayithetha nam, ngamazwi alungileyo, ngamazwi athuthuzelayo;+ 14  kwaye ingelosi leyo yayithetha nam yahlabela mgama yathi kum: “Memeza, uthi, ‘Utsho uYehova wemikhosi ukuthi: “Ndinekhwele, ikhwele elikhulu, ngeYerusalem nangeZiyon.+ 15  Ngokucaphuka okukhulu ndiyazicaphukela iintlanga ezihleli ngokukhululeka;+ ngenxa yokuba mna ndacaphuka kancinane,+ kodwa zona zancedisa kwintlekele leyo.”’+ 16  “Ngoko ke utsho uYehova wemikhosi ukuthi, ‘“Ngokuqinisekileyo ndiya kubuyela eYerusalem ngenceba.+ Indlu yam iya kwakhelwa khona,”+ utsho uYehova wemikhosi, “nolutya lokulinganisa luya kolulwa phezu kweYerusalem.”’+ 17  “Memeza ngokubhekele phaya, uthi, ‘Utsho uYehova wemikhosi ukuthi: “Izixeko zakowethu zisaya kuphuphuma ukulunga;+ ibe ngokuqinisekileyo uYehova usaya kuzisola ngeZiyon+ yaye okunene usaya kukhetha iYerusalem.”’”+ 18  Ndaphakamisa amehlo am ndaza ndabona; yaye, khangela! nazo iimpondo ezine.+ 19  Ngoko ndathi kwingelosi eyayithetha nam: “Ziyintoni na ezi?” Yathi ke yona kum: “Ezi ziimpondo ezasasaza uYuda,+ uSirayeli+ neYerusalem.”+ 20  Ngapha koko, uYehova wandibonisa iingcibi ezine. 21  Ndathi ke: “Ziza kwenza ntoni na zona?” Yona yahlabela mgama yathi: “Ezi ziimpondo+ ezasasaza uYuda ngokomkhamo wokuba kungabikho bani konke konke uphakamisa intloko yakhe; yaye abanye aba baza kuza ukuze bazingcangcazelise, bawise phantsi iimpondo zeentlanga eziphakamisa uphondo kwilizwe lakwaYuda, ukuze lisasazwe.”+

Umbhalo osemazantsi