I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Zefaniya 1:1-18

1  Ilizwi likaYehova elafika kuZefaniya unyana kaKushi unyana kaGedaliya unyana ka-Amariya unyana kaHezekiya ngemihla kaYosiya+ unyana ka-Amon+ ukumkani wakwaYuda:  “Nakanjani na ndiya kuphelisa yonk’ into phezu komhlaba,” utsho uYehova.+  “Ndiya kuphelisa umntu wasemhlabeni nesilo.+ Ndiya kuphelisa isidalwa esiphaphazelayo samazulu neentlanzi zolwandle,+ nesikhubekiso kunye nabangendawo;+ kwaye ndiza kulunqumla uluntu phezu komhlaba,”+ utsho uYehova.  “Yaye ndiza kolulela isandla sam kuYuda nakubo bonke abemi baseYerusalem,+ kwaye ndiza kunqumla kule ndawo abaseleyo bakaBhahali,+ igama lababingeleli boothixo basemzini kunye nababingeleli abo,+  nabo baqubuda eluphahleni kuwo umkhosi wamazulu,+ nabo baqubudayo,+ besenza izifungo ezinzulu kuYehova+ kwaye besenza izifungo ezinzulu ngoMalekam;+  nabo bahlehlayo ekulandeleni uYehova+ nabo bangamfunanga uYehova nabangabuzanga ngaye.”+  Yithi cwaka phambi kweNkosi enguMongami uYehova;+ kuba imini kaYehova ikufuphi,+ kuba uYehova uwulungisile umbingelelo;+ ubangcwalisile+ abamenyiweyo bakhe.  “Kuza kuthi ke ngemini yombingelelo kaYehova ndinikele ingqalelo kwiinkosana, nakoonyana bokumkani,+ nakubo bonke abo banxiba isinxibo sasemzini.+  Ndiza kunikela ingqalelo kuye wonk’ ubani onyukayo eqongeni ngaloo mini, abo bazalisa indlu yeenkosi zabo ngogonyamelo nenkohliso.+ 10  Yaye ngaloo mini,” utsho uYehova, “kumele kubekho isandi sesikhalo esivela kwiSango Leentlanzi,+ nokubhomboloza kuvela kwisahlulo sesibini,+ nokuwa okukhulu kuvela ezindulini.+ 11  Bhombolozani,+ nina bemi baseMaketeshe, kuba bonke abantu abangabarhwebi bathulisiwe;+ banqunyulwe bonke abo balinganisa isilivere. 12  “Kuza kuthi ngelo xesha ndiyigocagoce ngenyameko iYerusalem ngezibane,+ ndinikele ingqalelo kumadoda azinzileyo+ ezintsipheni zawo nathi entliziyweni, ‘UYehova akayi kwenza okulungileyo, engayi kwenza nokubi.’+ 13  Indyebo yawo imele ibe yeyokuphangwa nezindlu zawo zibe yinkangala ephanzileyo.+ Aya kwakha izindlu, kodwa akayi kuhlala kuzo;+ aya kutyala nezidiliya, kodwa akayi kusela wayini yazo.+ 14  “Imini enkulu+ kaYehova ikufuphi.+ Ikufuphi, yaye ikhawuleza kakhulu.+ Isandi semini kaYehova sikrakra.+ Apho nendoda enamandla iyakhala.+ 15  Loo mini yimini yokuvutha komsindo, imini yokubandezeleka neyokungcungcutheka,+ imini yesaqhwithi neyesiphanziso, imini yobumnyama neyesithokothoko,+ imini yamafu nesithokothoko, 16  imini yesigodlo neyokuhlaba umkhosi,+ nxamnye nezixeko ezinqatyisiweyo neenqaba eziphakamileyo ezikoneni.+ 17  Ndiza kubazisela ukubandezeleka abantu, yaye ngokuqinisekileyo baya kuhamba njengeemfama;+ ngenxa yokuba bamonile uYehova.+ Igazi labo liya kuphalazwa njengothuli,+ nezibilini zabo njengobulongwe.+ 18  Isilivere yabo negolide yabo ayiyi kukwazi ukubahlangula ngemini yokuvutha komsindo kaYehova;+ kodwa umhlaba uphela uya kuqwengwa ngumlilo wenzondelelo yakhe,+ ngenxa yokuba uya kwenza intshabalaliso, eneneni enkwantyisayo, kubo bonke abemi bomhlaba.”+

Umbhalo osemazantsi