Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yos 3:1-17

3  Waza ke uYoshuwa wavuka ekuseni, yaye yena nabo bonke oonyana bakaSirayeli banduluka ukusuka eShitim+ baya kufikelela eYordan; bachitha ubusuku apho ngaphambi kokuba bawele.  Kwathi ke ekupheleni kweentsuku ezintathu+ amagosa+ adlula phakathi enkampini  aza ayalela abantu, esithi: “Nakuyibona ityeya yomnqophiso kaYehova uThixo wenu, nababingeleli, abaLevi, beyithwele,+ niya kwandula nani ngokwenu ninduluke endaweni yenu, yaye nimele niyilandele,  —kuphela nje makubekho umgama phakathi kwenu nayo omalunga nomlinganiselo ongamawaka amabini eekubhite;+ ningasondeli kuyo—ukuze niyazi indlela enifanele nihambe ngayo, kuba anizange nidlule kuloo ndlela ngaphambili.”  Ngoko uYoshuwa wathi ebantwini: “Zingcwaliseni,+ kuba ngomso uYehova uza kwenza izinto ezimangalisayo phakathi kwenu.”+  Wandula uYoshuwa wathi kubabingeleli: “Thabathani ityeya yomnqophiso+ nize nidlule phambi kwabantu.” Ngoko bayithabatha ityeya yomnqophiso baza bahamba phambi kwabantu.  Yaye uYehova wathi kuYoshuwa: “Namhlanje ndiya kukwenza ube mkhulu emehlweni kaSirayeli wonke,+ ukuze azi ukuba kanye njengoko ndaba noMoses+ nawe ndiya kuba nawe.+  Yaye wena—ufanele uyalele+ ababingeleli abathwele ityeya yomnqophiso, uthi, ‘Nakuba nifikile enyeleni yamanzi aseYordan, nifanele nime+ ngxi eYordan.’”  Yaye uYoshuwa wahlabela mgama wathi koonyana bakaSirayeli: “Sondelani apha nize niphulaphule amazwi kaYehova uThixo wenu.” 10  Emva koko uYoshuwa wathi: “Ngako oko niya kwazi ukuba uThixo ophilayo uphakathi kwenu,+ nokuthi uya kuwagxotha phambi kwenu amaKanan namaHiti namaHivi namaPerizi namaGirgashi nama-Amori namaYebhusi.+ 11  Khangela! Ityeya yomnqophiso weNkosi yomhlaba uphela idlula phambi kwenu ukuya eYordan. 12  Yaye ngoku zithabatheleni amadoda alishumi elinesibini kwizizwe zakwaSirayeli, indoda enye kwisizwe ngasinye.+ 13  Yaye kothi xa iintende zeenyawo zababingeleli abathwele ityeya kaYehova, iNkosi yomhlaba uphela, zisima emanzini aseYordan, amanzi aseYordan aya kunqamka, amanzi ehla phezulu, yaye aya kuma ngxi njengedama elinye.”+ 14  Yaye kwathi xa abantu bandulukayo kwiintente zabo ngaphambi nje kokuba bawele iYordan, nababingeleli abathwele ityeya+ yomnqophiso phambi kwabantu, 15  naxa abathwali beTyeya befikelela eYordan neenyawo zababingeleli abathwele iTyeya zithe nkxu enyeleni yamanzi (ngoku udonga lweYordan luyaphuphuma+ lonke ngazo zonke iintsuku zesivuno), 16  andula amanzi ehla phezulu ema ngxi. Aphakama aba njengedama elinye+ kude kakhulu eAdam, isixeko esingasecaleni kwaseTsaretan,+ ngoxa lawo ayesihla esiya ngakulwandle lwaseArabha, uLwandle lweTyuwa,+ aphelayo. Anqamka, yaye abantu badlula phambi kweYeriko. 17  Ngelo xesha ababingeleli ababethwele ityeya yomnqophiso kaYehova baqhubeka bemi bhuxe kumhlaba owomileyo+ phakathi eYordan njengoko wonke uSirayeli wayewela kumhlaba owomileyo,+ de uhlanga luphela lwagqiba ukuwela iYordan.

Umbhalo osemazantsi