I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yoshuwa 20:1-9

20  Ngoko uYehova wathetha kuYoshuwa, wathi:  “Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, ‘Zimiseleni izixeko zokusabela+ endathetha ngazo kuni ngoMoses,  ukuze isibulala-mntu+ esibetha umphefumlo siwubulale singaqondanga yaye singazi sibalekele apho; yaye zimele zibe yindawo yokuzikhusela kumphindezeli wegazi.+  Yaye simele sisabele+ kwesinye sezi zixeko, sime esangweni+ lesixeko size siwathethe ezindlebeni zamadoda amakhulu+ esixeko eso amazwi aso; kwaye afanele asamkelele esixekweni ngokwawo aze asinike indawo yokuhlala kunye nawo.  Yaye ukuba kunokwenzeka umphindezeli wegazi asisukele, ngoko akafanele anikezele ngesibulala-mntu esandleni sakhe;+ kuba sibethe sabulala singazi idlelane laso, yaye besingalithiyanga ngaphambili.+  Yaye simele sihlale kweso sixeko de kube kukuma kwaso phambi kwendibano yokugweba,+ de kufe umbingeleli omkhulu+ okhoyo ngezo ntsuku. Kungoko ke esinokuthi isibulala-mntu sibuye,+ kwaye simele singene esixekweni saso nasendlwini yaso, kwisixeko esasibaleke kuso.’”  Ngako oko banika iwonga elingcwele iKedeshe+ eGalili kummandla weentaba wakwaNafetali, naseShekem+ kummandla weentaba wakwaEfrayim, naseKiriyati-arbha,+ oko kukuthi, iHebron, kummandla weentaba wakwaYuda.  Nakummandla waseYordan, eYeriko, ukuya ngakwimpuma banika iBhetsere+ entlango kumhlaba othe thabalala kwisizwe sakwaRubhen,+ neRamoti+ eGiliyadi kwisizwe sakwaGadi, neGolan+ eBhashan kwisizwe sakwaManase.  Ezi yaba zizixeko ezamiselwa bonke oonyana bakaSirayeli nomphambukeli ohlala njengomphambukeli phakathi kwabo, ukuze nabani na othe wabetha umphefumlo wawubulala engaqondanga+ asabele apho, ukuze angafi ngesandla somphindezeli wegazi de kube kukuma kwakhe phambi kwendibano.+

Umbhalo osemazantsi