Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yoshuwa 17:1-18

17  Iqashiso+ laba lelesizwe sikaManase,+ ngenxa yokuba wayelizibulo likaYosefu,+ laba lelikaMakire+ izibulo likaManase, uyise kaGiliyadi,+ ngenxa yokuba nguye owaba yindoda yemfazwe;+ neGiliyadi+ neBhashan zaba zezakhe.  Kwaye kwabakho iqashiso loonyana bakaManase ababesele ngokweentsapho zabo, loonyana baka-Abhi-ezere+ noonyana bakaHeleki+ noonyana baka-Asriyeli noonyana bakaShekem+ noonyana bakaHefere noonyana bakaShemida.+ Aba yayingoonyana bakaManase unyana kaYosefu, amadoda ngokweentsapho zawo.  Ke yena uTselofehadi+ unyana kaHefere, unyana kaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase, wayengenabo oonyana, eneentombi, yaye la ngamagama eentombi zakhe: uMahala noNowa, uHogela, uMilka noTirtsa.+  Ngoko zasondela phambi koEleyazare+ umbingeleli noYoshuwa unyana kaNun nezikhulu, zathi: “NguYehova owayalela uMoses ukuba asinike ilifa phakathi kwabazalwana bethu.”+ Ngako oko wazinika, ngokomyalelo kaYehova, ilifa phakathi kwabazalwana bakayise.+  Kwakukho izabelo ezilishumi ezaba zezikaManase ngaphandle kwelizwe laseGiliyadi nelaseBhashan, ezazingaphesheya kweYordan;+  kuba iintombi zikaManase zaba nelifa phakathi koonyana bakhe; yaye ilizwe laseGiliyadi laba leloonyana bakaManase ababesele.  Umda kaManase waba seAshere ukuya eMikematati,+ engaphambi kweShekem,+ yaye umda waya ngasekunene ngakubemi base-En-Tapuwa.  Ilizwe laseTapuwa+ laba lelikaManase, kodwa iTapuwa esemdeni kaManase yaba yeyoonyana bakaEfrayim.  Yaye umda wehla waya kwintlambo yaseKana, ngasemzantsi wentlambo yezi zixeko+ zakwaEfrayim phakathi kwezixeko zakwaManase, kwaye umda kaManase wawungasemntla wentlambo, yaye isiphelo sawo sasiselwandle.+ 10  Ngasemzantsi yayingokaEfrayim yaye ngasemntla, ingokaManase, yaye ulwandle lwaba ngumda wakhe;+ ngasemntla bafikelela kwa-Ashere yaye ngasempuma, bafikelela kwaIsakare. 11  Yaye kwaIsakare nakwa-Ashere uManase+ waba neBhete-sheyan+ needolophu eziphantsi kwayo neIbleyam+ needolophu eziphantsi kwayo nabemi baseDore+ needolophu eziphantsi kwayo nabemi base-En-dore+ needolophu eziphantsi kwayo nabemi baseTahanaki+ needolophu eziphantsi kwayo nabemi baseMegido+ needolophu eziphantsi kwayo, iindawo ezintathu eziphakamileyo. 12  Yaye oonyana bakaManase bangqineka bengakwazi ukuzithabatha zibe zezabo ezi zixeko,+ kodwa amaKanan azingisa ukuhlala kweli lizwe.+ 13  Yaye kwathi besakomelela oonyana bakaSirayeli,+ bawasebenzisa ngokuwaqhuba ngebhaxa amaKanan,+ yaye abazange bawahluthe ngokupheleleyo ilizwe lawo.+ 14  Yaye oonyana bakaYosefu bathetha noYoshuwa, besithi: “Kutheni na ukuba undinike ilifa leqashiso elinye+ nesabelo esinye, ngoxa ndisisizwana esikhulu ngenxa yokuba uYehova endisikelele de kube ngoku?”+ 15  UYoshuwa wathi kubo: “Ukuba nisisizwana esikhulu, nyukani niye ehlathini, nize nizihlahlele lona apho kwilizwe lamaPerizi+ namaRefa,+ ngenxa yokuba ummandla weentaba+ wakwaEfrayim uye waba mxinwa kakhulu kuni.” 16  Baza oonyana bakaYosefu bathi: “Ummandla weentaba awusanelanga, yaye kukho iinqwelo zokulwa+ ezinamarhengqa amakhulu entsimbi phakathi kwamaKanan onke ahlala kwilizwe lentili, kokubini lawo aseBhete-sheyan+ needolophu eziphantsi kwayo nalawo akwintili yaseYizereli.”+ 17  Ngoko uYoshuwa wathi kwindlu kaYosefu, kuEfrayim nakuManase: “Nisisizwana esikhulu, yaye ninamandla amakhulu.+ Anifanelanga kufumana iqashiso elinye,+ 18  kodwa ummandla weentaba ufanele ube ngowenu.+ Ngenxa yokuba lihlathi, nimele nilihlahle, limele libe yindawo ophela kuyo ummandla wenu. Kuba nifanele niwagxothe amaKanan, nangona eneenqwelo zokulwa ezinamarhengqa amakhulu entsimbi kwaye omelele.”+

Umbhalo osemazantsi