I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yoshuwa 16:1-10

16  Yaye kwaphuma iqashiso+ loonyana bakaYosefu+ ukusuka eYordan+ eYeriko ukuya kumanzi aseYeriko ngasempuma, intlango eyenyuka ngeYeriko ukuya kummandla weentaba waseBheteli.+  Kwaye laphuma eBheteli yaseLuzi+ laza ladlulela kumda wama-Arki+ eAtaroti,  yaye lehla ngasentshona ukuya kumda wamaYafeleti ukuya kufikelela kumda weBhete-horon eseZantsi+ neGezere,+ yaye isiphelo sayo saba selwandle.+  Oonyana bakaYosefu,+ uManase noEfrayim,+ bafumana ilifa lelizwe.+  Umda woonyana bakaEfrayim ngokweentsapho zabo, ewe, umda welifa labo ukuya ngasempuma waba yiAtaroti-adare,+ ukuya kufikelela kwiBhete-horon engaseNtla;+  yaye umda waphumela elwandle. IMikematati+ yayingasentla, yaye umda wajikeleza ngasempuma ukuya eTahanati-shilo, kwaye wawudlulela ngasempuma eYanowa.  Wehla ukusuka eYanowa ukuya eAtaroti naseNahara, wafika eYeriko+ waphumela eYordan.  Ukusuka eTapuwa+ umda wawusiya ngasentshona ukuya kwintlambo yaseKana,+ yaye isiphelo sawo saba selwandle.+ Eli lilifa lesizwe soonyana bakaEfrayim ngokweentsapho zabo.  Yaye oonyana bakaEfrayim babenezixeko ezazijikeleziwe+ phakathi kwelifa loonyana bakaManase, zonke izixeko nemizi yazo. 10  Kwaye abazange bawagxothe amaKanan+ awayehlala eGezere,+ yaye amaKanan aqhubeka ehlala phakathi koEfrayim kude kube namhla,+ enza umsebenzi wobukhoboka esebenza ngokuqhutywa ngebhaxa.+

Umbhalo osemazantsi