I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yoshuwa 14:1-15

14  Oku koko oonyana bakaSirayeli bakuthabatha njengelifa kwilizwe laseKanan,+ oko uEleyazare umbingeleli noYoshuwa unyana kaNun neentloko zooyise bezizwe zoonyana bakaSirayeli zabanika kona njelifa.+  Ilifa labo lenziwa ngeqashiso,+ kanye njengoko uYehova wayeyalele ngoMoses ngezizwe ezisithoba ezinesiqingatha sesizwe.+  Kuba uMoses wayezinike ilifa ezinye izizwe ezibini nesinye isiqingatha sesizwe ngaphesheya kweYordan;+ yaye abaLevi akazange abanike lifa phakathi kwazo.+  Kuba oonyana bakaYosefu baba zizizwe ezibini,+ uManase+ noEfrayim;+ yaye abazange babanike sabelo elizweni abaLevi, ngaphandle kwezixeko+ zokuhlala namadlelo emfuyo nempahla yabo.+  Kanye njengoko uYehova wayeyalele uMoses, ngoko oonyana bakaSirayeli benjenjalo; ngoko balahlula ilizwe.  Ngoko oonyana bakaYuda baya kuYoshuwa eGiligali,+ yaye uKalebhi+ unyana kaYefune umKenizi+ wathi kuye: “Wena ulazi kakuhle ilizwi awalithethayo uYehova+ kuMoses umntu kaTHIXO oyinyaniso+ ngokubhekisele kum nangokubhekisele kuwe eKadeshe-bharneya.+  Ndandineminyaka engamashumi amane ubudala xa uMoses umkhonzi kaYehova wandithuma eKadeshe-bharneya ukuba ndiye kuhlola ilizwe,+ kwaye ndambuyisela ilizwi kanye njengoko lalinjalo entliziyweni yam.+  Kwaye abazalwana bam ababenyuke nam bayinyibilikisa intliziyo yabantu;+ mna ke, ndamlandela ngokupheleleyo uYehova uThixo wam.+  Ngenxa yoko uMoses wafunga ngaloo mini, esithi, ‘Ilizwe olunyathele kulo unyawo lwakho+ liya kuba lelakho noonyana bakho njengelifa ukusa kwixesha elingenammiselo, ngenxa yokuba uye wamlandela ngokupheleleyo uYehova uThixo wam.’+ 10  Yabona uYehova undigcine ndiphila,+ kanye njengoko wayethembisile,+ le minyaka ingamashumi amane anesihlanu kususela oko uYehova wenza esi sithembiso kuMoses xa uSirayeli wayehamba entlango,+ ke ngoku ndineminyaka engamashumi asibhozo anesihlanu ubudala. 11  Ukanti namhlanje ndomelele njengokuba ndandinjalo ngemini endathunywa ngayo nguMoses.+ Njengoko ayenjalo amandla am ngoko, asenjalo nangoku amandla am okulwa, awokuphuma nawokubuya.+ 12  Yaye ngoku ndinike ummandla weentaba lowo uYehova wawuthembisayo ngaloo mini,+ kuba nawe weva ngaloo mini ukuba kukho ama-Anakim+ apho nezixeko ezikhulu ezinqatyisiweyo.+ Mhlawumbi uYehova uya kuba nam,+ yaye ndiya kubahlutha ilizwe labo ngokuqinisekileyo, kanye njengoko uYehova wathembisayo.”+ 13  UYoshuwa wamsikelela waza wamnika iHebron uKalebhi unyana kaYefune njengelifa.+ 14  Kungenxa yoko le nto iHebron yaba lilifa likaKalebhi unyana kaYefune umKenizi de kube namhla, ngenxa yokuba wamlandela ngokupheleleyo uYehova uTHIXO kaSirayeli.+ 15  Igama leHebron ngaphambi koko laliyiKiriyati-arbha+ ([kuthiwa uArbha]+ wayengumntu omkhulu phakathi kwama-Anakim). Yaye ilizwe alizange liphazanyiswe yimfazwe.+

Umbhalo osemazantsi