I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yoshuwa 12:1-24

12  Naba ookumkani belizwe oonyana bakaSirayeli abaloyisayo baza balidla ilifa ilizwe labo ngaphesheya kweYordan ngasempumalanga,+ ukususela kwintlambo yaseArnon+ ukusa kwiNtaba yeHermon+ nayo yonke iArabha+ ngasempumalanga:  USihon+ ukumkani wama-Amori, owayehlala eHeshbhon,+ elawula ukususela eArohere,+ eyayiselunxwemeni lwentlambo yaseArnon,+ naphakathi kwentlambo, nakwisiqingatha seGiliyadi ukuya kufikelela entlanjeni yaseYabhoki,+ umda woonyana baka-Amoni,  neArabha+ ukuya kufikelela kulwandle lwaseKinereti+ ukuya ngasempuma nokuya kufikelela kulwandle lwaseArabha, uLwandle lweTyuwa,+ ukuya ngasempuma ngakwicala laseBhete-yeshimoti,+ nokuya ngakumzantsi phantsi kwamathambeka asePisga.+  Nommandla kaOgi+ ukumkani wakwaBhashan, owayesele kumaRefa,+ owayehlala eAshtaroti+ nase-Edreyi,+  nowayelawula kwiNtaba yeHermon+ naseSaleka nakuyo yonke iBhashan,+ ukuya kufikelela kumda wamaGeshure+ namaMahakati,+ nesiqingatha seGiliyadi, ukuya kummandla kaSihon+ ukumkani waseHeshbhon.+  YayinguMoses umkhonzi kaYehova noonyana bakaSirayeli ababoyisayo,+ emva koko uMoses umkhonzi kaYehova wayinikela ukuba imiwe ngamaRubhen+ namaGadi+ nesiqingatha sesizwe sakwaManase.+  Yaye naba ookumkani belizwe uYoshuwa noonyana bakaSirayeli abaloyisayo nganeno kweYordan ukuya ngasentshona, ukususela eBhahali-gadi+ kwithafa elisentlanjeni yaseLebhanon+ nokuya kufikelela kwiNtaba iHalaki,+ eyenyukela eSehire,+ emva koko uYoshuwa walinikela kwizizwe zakwaSirayeli ukuba zilime ngokwezabelo zazo,+  kummandla weentaba naseShefela naseArabha nasemathambekeni nasentlango naseNegebhi+—amaHiti, ama-Amori+ namaKanan, amaPerizi, amaHivi namaYebhusi:+  Ukumkani waseYeriko,+ emnye; ukumkani waseAyi,+ eyayisecaleni kweBheteli, emnye; 10  ukumkani waseYerusalem,+ emnye; ukumkani waseHebron,+ emnye; 11  ukumkani waseYarmuti,+ emnye; ukumkani waseLakishe,+ emnye; 12  ukumkani wase-Eglon,+ emnye; ukumkani waseGezere,+ emnye; 13  ukumkani waseDebhiri,+ emnye; ukumkani waseGedere, emnye; 14  ukumkani waseHorma, emnye; ukumkani waseAradi, emnye; 15  ukumkani waseLibhena,+ emnye; ukumkani waseAdulam, emnye; 16  ukumkani waseMakeda,+ emnye; ukumkani waseBheteli,+ emnye; 17  ukumkani waseTapuwa, emnye; ukumkani waseHefere,+ emnye; 18  ukumkani waseAfeki, emnye; ukumkani waseLasharon, emnye; 19  ukumkani waseMadon,+ emnye; ukumkani waseHatsore,+ emnye; 20  ukumkani waseShimron-meron, emnye; ukumkani waseAkeshafi,+ emnye; 21  ukumkani waseTahanaki, emnye; ukumkani waseMegido,+ emnye; 22  ukumkani waseKedeshe, emnye; ukumkani waseYokenam+ eKarmele, emnye; 23  ukumkani waseDore kummango wentaba yaseDore,+ emnye; ukumkani wamaGoyi eGiligali, emnye; 24  ukumkani waseTirtsa, emnye; bebonke ookumkani babengamashumi amathathu ananye.+

Umbhalo osemazantsi