Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Yona 4:1-11

4  Noko ke, oku kwakungamkholisi kakhulu uYona,+ yaye wavutha ngumsindo.  Ngenxa yoko wathandaza kuYehova wathi: “Awu, Yehova, ibingengomcimbi wam na lo, ngoxa bendisemhlabeni wakowethu? Kungenxa yoko le nto ndiye ndahamba phambili ndaza ndabaleka ndemka ndaya eTarshishe;+ kuba bendisazi ukuba unguThixo onobabalo nenceba,+ ozeka kade umsindo nonobubele bothando obuninzi,+ nozisolayo ngentlekele.+  Ke kaloku, khawuncede, Yehova, uwuthabathe kum umphefumlo wam,+ kuba kulunge ngakumbi ukufa kum kunokuphila.”+  Waza wathi uYehova: “Ngaba kufanelekile na ukuba uvuthe ngumsindo?”+  Wandula ke uYona waphuma esixekweni waza wahlala ngakwimpuma yesixeko; yaye wazenzela umnquba apho, ukuze ahlale phantsi komthunzi wawo+ de abone oko kwakuza kwenzeka esixekweni.+  Ngako oko uYehova uThixo wamisela umhlavuthwa, ukuba ube phezu kukaYona ukuze ube ngumthunzi phezu kwentloko yakhe, ukuze umhlangule kwimo yakhe eyintlekele.+ Yaye uYona waqalisa ukuba nemihlali kakhulu ngomhlavuthwa.  Kodwa uTHIXO oyinyaniso wamisela umbungu+ ngesifingo ngemini elandelayo, ukuze uwubethe umhlavuthwa; waza woma ngokuthe ngcembe.+  Kwathi kamsinya nje lakukhanya ilanga, uThixo wahlabela mgama wamisela ulophu lwasempuma,+ yaye intloko kaYona yahlala ibethwa lilanga, kangangokude awe isiduli;+ yaye waqhubeka ecela ukuba umphefumlo wakhe ufe, kwaye ngokuphindaphindiweyo wathi: “Kulunge ngakumbi ukuba ndife kunokuba ndiphile.”+  Yaye uThixo wathi kuYona: “Ngaba kufanelekile na ukuba uvuthe ngumsindo ngenxa yomhlavuthwa?”+ Yena wathi: “Kufanelekile ukuba ndivuthe ngumsindo ukusa kwinqanaba lokufa.” 10  Kodwa uYehova wathi: “Wena uye wanosizi ngomhlavuthwa ongazange ubulaleke ngawo okanye uwukhulise, okhule ngabusuku bunye waza watshabalala ngabusuku bunye. 11  Yaye mna andifanele na ndibe nosizi ngeNineve isixeko esikhulu,+ ekukho kuyo abantu abangaphezu kwekhulu elinamashumi amabini amawaka abangawaziyo konke konke umahluko phakathi kwesandla sabo sasekunene nesasekhohlo, ngaphandle kwezilwanyana zasekhaya ezininzi?”+

Umbhalo osemazantsi